USIZI KUBULAWA ABASEBENZI BEPOSI

Date:

Kudutyulwe kwabulawa abasebenzi basethyini abathathu base posini kwilali yase Jaca, e Flagstaff ngomvulo, umhla weshumi elinesixhenxe kwekaTshazimpuzi kulo nyaka wama-2023. Ukanti ngolwesibini, umhla weshumi elinesibhozo kuthe kwangena izixhiliphothi zoonqevu abathathu ebebexhobe befe amacala, bathatha imali kunye neminxeba yabasebenzi kwi-Post Office ese Flagstaff, baphela emehlweni.

Akukacaci ke ukuba ezi ziganeko ziyazalana kusini na kodwa uluntu lusabhidwe yinja ukungavuthwa ngabanqevu, loo gama abasebenzi beposi besothuka izicithi ngenxa yezi ziganeko.Usibonda waseJaca u Mnu.Mboyi, elingafumanekanga igama lakhe uthi ubizelwe kwindawo yesiganeko emva kokuqhushumba kwerhuluwa.

“Sithe sakufika kwindawo ebebedutyulelwe kuyo, safika ngenene abantu abathathu abangamanina itshoba lilele umbethe”.

Umnu. Mboyi ukwathe abo baziboneleyo bathi yimoto ekukudala ime ecaleni kwendlela le, nethe yakubona imoto yamagosa eposi yavulela ngeemvumbulu.

Kusenjalo umanejala weeposi kwingingqi ye Alfred Nzo uMnu. Xola Dlamini uthi basothukile sesi siganeko.

“Zonke ezi ziganeko ziyothusa.Abasebenzi abathathu badutyulwe sele bebuya emsebenzini, bengaphathanga mali.Isixelela ukuba makube bebenanjongo zimbi, ingekokufuna mali.Kwesi sesibini isiganeko Kucacile ukuba ngabantu ebebefuna nje imali  kuba naku kungekho mntu wonzakeleyo” Kucacisa u Dlamini, esoleka ngelithi kuza kuqhutywa iinkqubo zoluleko ngakwabo bachaphazelekileyo.

Ukanti amapolisa ephondo leMpuma Kapa aziqinisekisile ezi ziganeko.Isithethi samapolisa u Warrant Officer Majola Nkohli uthi amapolisa asaphanda.

“Kuthyolwa ngelithi abarhanelwa ebebesebenzisa isithuthi esibomvu okanye esi-maroon baye bamisa imoto yohlobo lwe Ford Ranger ebihamba abasebenzi be Post Office, kwilali i Jaca, e Flagstaff. Kukwathyolwa ngelithi amaxhoba aphakathi kweminyaka engama-30 mama-37 aye aswelekela kwindawo yexhwayelo” – kutsho u Warrant Officer Nkohli.

Ukwathe kwisiganeko sesibini, e Flagstaff akukho mntu wonzakeleyo koko kusutywe isixa-mali esingachazwanga. Uthi akukabanjwa mntu ngezi ziganeko.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

Bulelani Matshoba
Bulelani Matshobahttps://pondolandtimes.co.za/
Bulelani is a radio host at Inkonjane Community Radio based in Flagstaff and is passionate about media and local news. He is also a freelancer and part time writer at Pondoland Times.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here

Share post:

Subscribe

spot_img

Popular

More like this
Related

COMMISSION CONFIRMS LEGITIMATE ROYAL FAMILY IN MPONDO KINGDOM

The Marhelane houses have emerged victorious following the release...

The EC SAPS arrested eight suspects and rescued six kidnapped family members in Lusikisiki

Following the kidnapping incident in France village, Lusikisiki local...

SAMKELISIWE NCITHA CROWNED MISS BIZANA HIGH SCHOOLS 2024

The Miss Bizana High Schools pageant concluded with an...

SAPS confirmed the arrest of a boy seen in a viral video brutally assaulting an elderly woman

The National Spokesperson for the South African Police Service...