UMBHALI WAMABALI WASEMAMPONDWENI UNGUMHLOBO KUNYE NOSIBA
Books published by Mzoli Mavimbela. - iFoto: ithunyelwe

Umbhali weencwadi zesiXhosa, u Mzoli Mavimbela uphuma kwilali yase Ngxongweni , e Port St Johns kwaye ungumbhali ophume izandla, elinye lamabali akhe lifundwe kwisikhululo sosasazo, Umhlobo Wenene F.M.

U Mavimbela oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu ngethuba ekudliwano-ndlebe ne Nkonjane Community Radio ubalule uthando lokufunda nokubhala njengowona nobangela wokuzibona sele engumbhali.

“Ndikhule ndingumntu othanda ukuzihlalela endlwini, ongaxabisanga kuhamba apha phandle, yenza ke loo nto ukuba mandizivalele ngeencwadi”.

UMBHALI WAMABALI WASEMAMPONDWENI UNGUMHLOBO KUNYE NOSIBA
Umbhali weencwadi zesiXhosa u Mzoli Mavimbela iFoto ithunyelwe

Lo mbhali weencwadi ezifana no “Amazwembezwembe kaGxuluwe, Zigqitywa kuhlwile zibonwe liwuhlabile“, Zezani na ezi zililo” phakathi kwezinye, uthi wathi akuziqaphela ukuba unesakhono sokubhala wadibana nonjingalwazi Ncedile Saule nowathi xa ebona ilinge  lakhe wamkhuthaza ukuba makaqhubeke.

“UNjingalwazi u Saule wathi kum ndiza kuba ngumbhali ophume izandla ngenye imini, ndibhale ukogqitha naye ngenkqu”.

Ukwakhuthaze abo banomdla wokubhala ukuba bomelele kuba lo msebenzi awukho lula, ngakumbi kuba kufuneka uqiniseke kwaye ulugcine ulwimi obhala ngalo ukuze ungaziboni sele usisigculelo kubalesi. U Mavimbela uthi wathi akubona ukuba kukho imfuneko wathabatha ikhondo lokuhlela nokuncedisana nabo bathe babhala, ngokuthi abavumele baphakule kuloo vimba wakhe .

“Ihambo nzima indenze ndabona isidingo sokuba mandimana ukuncedisa abo banomdla wokubhala iincwadi zamabali ukuze ulwazi endinalo ndingalugcini kum kuba nam ndaluphokozelwa ngabo sele bekule ndlela”.

Ukwathi unomdla wokuba ngenye imini iincwadi zakhe zifundwe ezikolweni. Kwiinzame zoku, ukhuphe inguqulelo ehlalutyiweyo yencwadi yakhe ethi- Amazwembezwembe ka Gxuluwe.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here