UCELA INKXASO UMSASAZI WEBHOLA OSAKHASAYO
Umsasazi webhola u Khayalethu Jali. - iFoto / ithunyelwe

UKhayalethu Jali oneminyaka engama-31 umemelela kuye nabani na ongancedisana naye ekuphumezeni iphupho lakhe lokusasaza ibhola. Lo ka Jali usuka kwilali yase Mngungu, e Bizana kwaye usasaza imidlalo emininzi, ngakumbi edlalelwa kumabala ase Bizana afana ne Mphuthumi Mafumbatha Stadium. Abo bangabathandi nabaxhasi bebhola ekhatywayo bamazi kakhulu ngelizwi lakhe elinkqangazayo loo gama kuqhuba imidlalo. Usebenzisa ubuxhaka-xhaka bale mihla ukusasaza ibhola njengokuba iqhuba ukuze wonke umntu obukeleyo eve. Le yindlela enomdla kwabo babukeleyo nangona ingaqhelekanga kwabaninzi kuba ukusasazwa kwebhola abaninzi bakugqibela kumabonakude nakunomathotholo.

U Jali uncokole ne Pondoland Times malunga nesi sakhono sinqabileyo kwiindawo ezosemaphandleni, esithi waqala eselula ukumana esasaza ngokudlala emva kokuziqaphela esafunda kumabanga aphantsi ukuba angakwazi ukusasaza ibhola.

“Kwathi ngonyaka ka 2012 ndisenza ibanga leshumi elinanye ndamana ukusasaza imidlalo, ndakhuthazwa ngumhlobo wam ukuba mandiyithabathele ingqalelo le nto yokusasaza kuba ingabubomi kum” Kutsho u Jali. Ukanti ukwacacise nokuba ekukhuleni kwakhe ubexabise kakhulu ezemidlalo kwaye ezibandakanya nayo kuba kumaqela ebhola awadlaleleyo ubalule i Blood Arsenal F.C, Peacemakers F.C kunye ne Eleven Stars. Onke la ngamaqela adlala kwisigaba esingezantsi. Uthe ebenomdla wokuba xa ekhula abe ngumdlali webhola kodwa ngenxa yokuba wajongana nezifundo zakhe , yabe neminyaka sele imshiyile zange lifezeke eloo phupha.

“Kodwa ke ndikwayiyo nembaleki eqaqambileyo njengokuba ndazibandakanya neqela leembaleki, i XJ Athletics Club yase Sajonisi, ukanti ngexesha ndingumfundi kwidyunivesithi yase WSU ndandibaleka neqela i Walter Sisulu Athletics Club” Kongeze u Jali owaziwa ngelika Scott.

U Jali ubalule imingeni yokujongelwa phantsi ligcuntswana xa esenza lo msebenzi kodwa esithi  oku akumgaleli manzi emadolweni koko kumomelelza ngakumbi ngenxa yenginginya emxabisileyo. Ukwamemelele kwimibutho yebhola equka i SAFA ukuba ixhase nangayiphi na indlela, ekwadomboza kuye nabani na ongamncedisa ekufumaneni i Sound system eza kumelana nalo msebenzi.

“Ndikwanqenela nokuqeshwa kwizikhululo zosasazo, nokuba ngunomathotholo okanye umabonakude ndisasaze imidlalo kuba ndiwuthanda kakhulu lo msebenzi” Kulebela le ndedeba.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here