KUTYHOLWA UTYWALA KOSWELEKE NGEQUBULISO

Basothukile abahlali belali yaseZidakwini, kude kufuphi ne Holly Cross, e Flagstaff kukusweleka ngequbuliso kowasethyini oneminyaka engamashumi amabini anethoba, wakwa Mgilane. Esi siganeko senzeke ngomvulo, umhla wamashumi amabini anesine kwinyanga kaTshazimpuzi kwaye kurhaneleka ukuba umfi utsarhwe yibhotile yotywala.

Ukanti olilungu  losapho, Nonkazimlo Mgilane uthe esi siganeko sixelwe ngabahlobo bakhe nabathe ukuqala kwabo ukubona ukuba akekho kwimeko eqhelekileyo bacinge ukuba unxilile kanti kungexesha ephulukana nomphefumlo wakhe

“Ebengaqali ukusela,asazi ke ukuba yintoni le isuke yamongamela. Kodwa ke kuthiwa ebesela ibhotile engayingxenganga, nekuyinto ke ekurhaneleka ukuba yiyo esube umphefumlo wakhe” Kucacisa u Mgilane.

Akukacaci ke ukuba uza kuba nini na umngcwabo ngenxa yokuba kusalindwe iziphumo zoqhaqho, ukanti nemeko yekhaya ayikho ntle ncam, into ke ezakwenza ukuba kube nzima ukulungiselela. Ukanti kusenjalo ilungu lekomiti kule wadi, u Nonkumbuzo Gxabhu uthi indawo yentselo le yeyakokwabo kwaye umbonile umfi ezokuthenga le bhotile kodwa wothuke wabanda xa sele ebizwa kamva exelelwa ngesi siganeko. Ukwathe uzibonele imeko yekhaya engekho ntle konke.

“Ukuba bekungalindwanga iziphumo zoqhaqho besinokucebisa ukuba kusutywe loo nto ikhoyo kungcwatywe kuba kwa umfi ebezihlalela  yedwa” Kutsho u Gxabhu.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here