UQHANKQALAZO LWENKONZO ZOTHUTHO LUSHIYE ABANINZI BEDINGA KWIPHONDO LEMPUMA KOLONI
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

Lunxakamile uluntu emva kwesandi esithe ndii kumakhasi onxibelelwano nebesilumkisa uluntu ngokumiswa ngxi kwenkomzo zothutho kweliphondo leMpuma koloni.

Advertisement
Sinombuso Funeral Services

Ingxelo zithi, oku kuza emva kokuba kuthe kwangabhatalwa abathuthi babafundi lisebe lezothutho kweliphondo leMpuma koloni.

Iidolophu ezithe zaphazamiseka kakhulu kokungahambi kwezi thuthi yiMbizana, Maxesibeni, Kwa-Bhaca, Matatiele, Ntabankulu kunye nezinye.

UQHANKQALAZO LWENKONZO ZOTHUTHO LUSHIYE ABANINZI BEDINGA KWIPHONDO
LEMPUMA KOLONI

“Kudala sinyamezele, khange sibhatalwe kusukela kuNovemba wonyaka ophelileyo kude kuzoba ngoku. Oko silindile kodwa akude kulunge. Isichana kakhulu lento yongabhatwalwa thina ngoba kufuneka sithenge iPetula ukuze sikwazi ukuthutha abantwana besikolo ukanti ne moto ezi sihamba ngazo ziyabhatala, nto leyo esenza sizibhaqe sintyumpantyumpeka ematyaleni. Makaphendule urhumente kudala sinyamezele”, uphawule wenjenje uMbuzeni Ndovela nongomnye wabathuthi bababafundi eMbizana.

Ngamawaka wabantu abathe bangakwazi ukuya kwindawo ebekumele baye kuzo namhlanje ngenxa yoqhankqalazo oluqhubayo kwidolophu ezininzi zephondo. Oluqhankqalazo aluphazamisanga basebenzi kuphela luthe lwachaphazela nabafundi abaxhomekeke kwezizithuthi ukuze bakwazi ukuyofikelela esikolweni.

Advertisement
Ebathenjini Funeral Services

UQHANKQALAZO LWENKONZO ZOTHUTHO LUSHIYE ABANINZI BEDINGA KWIPHONDO
LEMPUMA KOLONI

Ukanti umbutho wezothutho iSANTACO B uthe wakhupha imbalelwano ebheka eluntwini ethi bona beyi SANTACO B abayonxalenye yoluqhankqalazo yaye bazoqhubeka babathuthe abantwana besikolo kwaye inkqubo yezothutho ayizuchaphazeleka konke konke kwela cala labo.

Silisebe lezothutho empumakoloni sihlaba ikhwelo kwabo bayinxalenye yoluqhankqalazo uba beze ngaphambili kuthethathethwane, sizame ukufumana isisombululo kwezingxaki”, utshilo uUnathi Bhinqose nothethela isebe lezothutho eMpuma koloni.

ALSO READ:  Mashatile Calls for Stronger Climate Action in SADC

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

DON’T MISS IMPORTANT DEADLINES AND PAYMENTS

Get clear updates on SASSA, applications, funding and local opportunities — including how to fix common issues and avoid delays.

Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here