USODOLOPHU WOMASIPALA WASEKUHLALENI UMZIMVUBU UQHUBA INKQUBO YOKUHLOLA INKQUBELA KWI PROJEKTI EZIQHUBAYO
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

Ngomhla wesibhozo kweyoKwindla kulonyaka umiyo, usodolophu womasipala wasekuhlaleni uMzimvubu uCllr Zukiswa Ndevu ubambe inkqubo yokuhlola inkqubela kwii projekti eziqhubayo kulomasipala. Usodolophu uqale ngokundwendwela isakhiwo seholo kwilali yase Ntshakeni neSkhamane kwaward 7 eMaxesibeni.  Loka Ndevu uchaze wathi ulwakhiwo lwaleholo luqale kwinyanga yoMqungu kulonyaka ka 2023 yaye besisigqeba sika masipala banochulumanco kukubona inkqubela esele ikhona kolulakhiwo, nanje ngokuba sele ikwisigaba sokuxhoma uphahla. “Le holo ixabise imali engaphaya kwezigidi ezibini ezinesihlanu ‘2,5 million’ nekucwangciswe ukuba ibekumgangatho walamaxesha.

Advertisement
Sinombuso Funeral Services

USODOLOPHU WOMASIPALA WASEKUHLALENI UMZIMVUBU UQHUBA INKQUBO YOKUHLOLA INKQUBELA KWI PROJEKTI EZIQHUBAYO

Kulindeleke ukuba ibeneethayile zaphantsi zodidi, ifakelwe umbane, izindlu zangasese zamadoda nezabantu ababhinqileyo, indawo yokuhlamba izandla, indlela ehamba ngekhonkrithi ngaphandle kweholo, iitanki zamanzi emvula, ngaphakathi ibenezitulo kwakunye neetafile yakugqiba ibiywe ngocingo.

Sinethemba lokuba xa sele kugqityiwe sakufumana inxaso yokwenza udonga lokunqanda ukhukhuliseko ngenxa yendawo emekuyo  ze emvakoko kucocwe ilungele ukunikezelwa ngokusesikweni. – uqhube watsho uSodolophu.

USODOLOPHU WOMASIPALA WASEKUHLALENI UMZIMVUBU UQHUBA INKQUBO YOKUHLOLA INKQUBELA KWI PROJEKTI EZIQHUBAYO

Okhokele ezonxebelelwano kwakunye nabasebenzi kule projekti uvakalise wathi “sisebenzisana kakuhle kakhulu noceba nonokhontilakhi kunye noluntu lwalapha kule ward,  yaye sivuyiswe kukuba ingabantu abalishumi elinesibhozo bezilali zimbini iNtshakeni neSkhamane abathe bafumana ingqesho kule iprojekthi. Uyaqhuba umsebenzi yaye siyazuza nezakhono kwezokwakha, sonwabile ikati isukile eziko. Sinomnqweno wokuba le projkti ingaqhuba ithuba elide noko siqhubeke nokubeka isonka etafileni, nanjengokuba kulindeleke ukuba emva kwenyanga ezintlanu ukuya kwezintandathu agqitywe umsebenzi.” utshilo uOdwa Jakuja.

USODOLOPHU WOMASIPALA WASEKUHLALENI UMZIMVUBU UQHUBA INKQUBO YOKUHLOLA INKQUBELA KWI PROJEKTI EZIQHUBAYO

Advertisement
Ubabalo Funeral Services

Obethethela abahlali umama uMasilangwe Gawulana uthe bayabulela kakhulu bengabahlali balewadi bezakuba ne holo elilelabo nanjengokuba bebefudula bengenela iintlanganiso babambele nemisitho yelali kwisakhiwo se cawa. “Ndinemicili kuba nathi zisakutsho sifane nezinye iilali,  nolutsha lwalapha luzakufumana indawo yokubamba inkqubo zalo, sinomnqweno wokubona kuziswe nezinye inkonzo esizidingayo, utshilo umhlali. Uceba we wardi u Cllr Nkululeko Xolo uqukumbele ngokubulela ubambiswano nanjengokuba kude kwakwesisigaba kungakhange kuvele’ngxwabangxwaba ekwabongoza abahlali baqhubeke nokubambisa norhulumente ingakumbi xakusiziswa inkonzo kubo.

ALSO READ:  Leaked Letters Stir Controversy, MK Party Dismisses Infighting Allegations

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

DON’T MISS IMPORTANT DEADLINES AND PAYMENTS

Get clear updates on SASSA, applications, funding and local opportunities — including how to fix common issues and avoid delays.

Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here