
Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.
USodolophu kumasipala wasekuhlaleni i-Ngquza Hill, u Nonkosi Pepping undwendwele iiwadi ezimbini zalo masipala, u ward 1 no ward 2 nalapho ebeyokufakana imilomo nabahlali ngomhla weshumi elinesibhozo kweka Tshazimpuzi kulo nyaka wama-2023.
U sodolophu u Pepping uvukele kwisikolo samabanga aphantsi i Phangisa ngeliyokunikezela ngomakufanwe kubantwana abangamashumi amabini.Ukanti kukwavulwe nethuba lokuba abazali badlane indlebe nosodolophu.U Pepping uthi zikho izinto ezingumceli mngeni kwesi sikolo.
[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Yiyo loo nto kuye kwabaluleka kuthi ukuba sive ukuba yintoni kanye le esi sikolo esinga singancediseka kuyo, kwaye abazali bekwafuna neengcebiso kwizinto ngezinto” Kutsho u Pepping.[/perfectpullquote]
U Pepping ugqithele kwiholo yoluntu i-Good Hope, kwintlanganiso yezicwangciso zophuhliso(IDP), uhlahlo lwabiwo-mali kunye nokuhlu lwerhafu. UMasipala udakance ingxelo yobume besicwangcwiso, kuquka nolwabiwo-mali. Abahlali nabo baye banikwa ithuba loluhlomla kule ngxelo. Le nkqubo ye IDP kulindeleke ukuba iqhube ukusekela namhlanje ukuyokuthi xhaxhe ngolwesihlanu sele ziqosheliswe zonke iiwadi.
Kusenjalo uSodolophu undwendwele kwikhaya labantwana e Luphilisweni, ngeliyokunikezela ngeepasile zokutya.
[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Kubalulekile ukuba singurhulumente simana ukusondela sibinze ukwenzela ukuba sinciphise umthwalo kwaboo bantu bagcina abantwana” [/perfectpullquote]
Usodolophu esithi kungenxa yesoo isizathu abaye baphosa esivivaneni, ekuthetha oko ngethuba enikezela ngokutya kweli ziko neligcina abantwana abangamashumi amabini anesithathu, abaphila nenkubazeko.
GET IMPORTANT UPDATES FIRST
Stay informed with news on agriculture, funding opportunities and jobs — so you don’t miss chances that could improve your income and future.








