USIZI KUBULAWA ABASEBENZI BEPOSI
Flagstaff Post Office. - Photo / Supplied
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

Kudutyulwe kwabulawa abasebenzi basethyini abathathu base posini kwilali yase Jaca, e Flagstaff ngomvulo, umhla weshumi elinesixhenxe kwekaTshazimpuzi kulo nyaka wama-2023. Ukanti ngolwesibini, umhla weshumi elinesibhozo kuthe kwangena izixhiliphothi zoonqevu abathathu ebebexhobe befe amacala, bathatha imali kunye neminxeba yabasebenzi kwi-Post Office ese Flagstaff, baphela emehlweni.

Advertisement
Sinombuso Funeral Services

Akukacaci ke ukuba ezi ziganeko ziyazalana kusini na kodwa uluntu lusabhidwe yinja ukungavuthwa ngabanqevu, loo gama abasebenzi beposi besothuka izicithi ngenxa yezi ziganeko.Usibonda waseJaca u Mnu.Mboyi, elingafumanekanga igama lakhe uthi ubizelwe kwindawo yesiganeko emva kokuqhushumba kwerhuluwa.

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Sithe sakufika kwindawo ebebedutyulelwe kuyo, safika ngenene abantu abathathu abangamanina itshoba lilele umbethe”.[/perfectpullquote]

Umnu. Mboyi ukwathe abo baziboneleyo bathi yimoto ekukudala ime ecaleni kwendlela le, nethe yakubona imoto yamagosa eposi yavulela ngeemvumbulu.

Kusenjalo umanejala weeposi kwingingqi ye Alfred Nzo uMnu. Xola Dlamini uthi basothukile sesi siganeko.

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Zonke ezi ziganeko ziyothusa.Abasebenzi abathathu badutyulwe sele bebuya emsebenzini, bengaphathanga mali.Isixelela ukuba makube bebenanjongo zimbi, ingekokufuna mali.Kwesi sesibini isiganeko Kucacile ukuba ngabantu ebebefuna nje imali  kuba naku kungekho mntu wonzakeleyo” Kucacisa u Dlamini, esoleka ngelithi kuza kuqhutywa iinkqubo zoluleko ngakwabo bachaphazelekileyo.[/perfectpullquote]

Advertisement
Ekoneni Flames Food Corner

Ukanti amapolisa ephondo leMpuma Kapa aziqinisekisile ezi ziganeko.Isithethi samapolisa u Warrant Officer Majola Nkohli uthi amapolisa asaphanda.

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Kuthyolwa ngelithi abarhanelwa ebebesebenzisa isithuthi esibomvu okanye esi-maroon baye bamisa imoto yohlobo lwe Ford Ranger ebihamba abasebenzi be Post Office, kwilali i Jaca, e Flagstaff. Kukwathyolwa ngelithi amaxhoba aphakathi kweminyaka engama-30 mama-37 aye aswelekela kwindawo yexhwayelo” – kutsho u Warrant Officer Nkohli.[/perfectpullquote]

ALSO READ:  TRAFFIC ADVISORY FOR BLASTING ON THE N2 BETWEEN KWABHACA AND EMAXESIBENI

Ukwathe kwisiganeko sesibini, e Flagstaff akukho mntu wonzakeleyo koko kusutywe isixa-mali esingachazwanga. Uthi akukabanjwa mntu ngezi ziganeko.

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

GET IMPORTANT UPDATES FIRST
Stay informed with news on agriculture, funding opportunities and jobs — so you don’t miss chances that could improve your income and future.

Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here