Ingquza Hill local municipality
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

Indoda engaziwayo nezibiza ngo Khumalo ikhohlisa abantu abadinga imisebenzi kumasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill, ngelithi ingabafaka emsebenzini ukuba banokukhupha intshontsho. Le ndoda iwa emnxebeni itsalele abantu isithi zikho izithuba zemisebenzi koko ukuze kube lula umqeshwa lowo makakhuphe imali engamawaka amathandathu eerandi.Kuthyolwa ngelithi le ndoda izazisa njengomntu ongusomaqhuzu kwezengqesho kulo masipala, into eyenza ukuba uninzi lucinge ukuba ngenene ngumntu onento nantso.

Advertisement
Diamond Pride Bookshop

Ophantse walixhoba lalo tsotsi, u Gyna Sidudlu nowakwa Cele kwakulo mmandla wentab’eNgquza uthi uthe akufumana lo mnxeba ingqondo yakhe yazula-zula kuba nangona ibotyo yakhe ibingaqini  nje kodwa ukudinga kwakhe umsebenzi kumenze wafuna ukusabela.

“Unditsalele umnxeba esithi undifumanele umsebenzi kodwa kuza kufuneka ukuba ndibhatale amawaka amathandathu eerandi ukuze ndingene ngokulula” – Kutsho u Sidudlu.

Ukwathe njengomntu odinga umsebenzi uvumile ukuba uzakwenza konke akuyalelweyo ngomlomo ka “Khumalo” kodwa wafikelwa yingcinga yokuba makaqale apha kwii  ofisi zakwa masipala ukuze eve ukuba ngenene zikho na izithuba zengqesho.

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Ndiqaphele ukuba kule nto yokuqeshwa kwam eyona nto iphambili kukuba mandikhuphe imali” – Kucacisa u Sidudlu.[/perfectpullquote]

Umasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill uthi iziganeko ezikumila kunje zihlala zifika kwiindlebe zabo kodwa uluntu luhlala lulunyukiswa. Umanejala kulo masipala, u Velile Makhedama uthi loo masipala unemigudu oyilandelayo xa upapasha izithuba zengqesho.

Advertisement
Ekoneni Flames Food Corner

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Sisoloko silumkisa abantu bakuthi ngaba bakhohlisi, kwaye siyafuna ukuba abantu bazi ukuba umasipala awuyithengisi imisebenzi” – Kutsho u Makhedama.[/perfectpullquote]

Lo ka Makhedama umemelele kuluntu ukuba lungatyi amacwaka xa kukho unqevu okrokreleka njengokhohlisa abantu ebathembisa ngemisebenzi engaginyaziswanga, ngakumbi xa eza kubaxhesha ngokubabhatalisa.

ALSO READ:  BID NOTICE: Plant Hiring for a period of 02 Months

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

DON’T MISS IMPORTANT DEADLINES AND PAYMENTS

Get clear updates on SASSA, applications, funding and local opportunities — including how to fix common issues and avoid delays.

Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here