UQHWATYELWE IZANDLA KUZWELONKE UCEBA OHLANGULE IKLINIKHI YASE LUTSHAYA
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

[optin-monster slug=”o1oltbelggnq0q5uohhx” followrules=”true”]

Advertisement
Diamond Pride Bookshop

Umbutho we EFF kuzwelonke uqhwabele izandla uceba we EFF kwibhunga lomasipala wase Sajonisi nalapho kuvakala ukuba lo ceba wahamba umgama ogqithisileyo ekuncedeni iziko lezempilo lase Lutshaya ngobonelelo ngombane.

Kwinyanga ka Canzibe i-Pondoland Times yapapasha inqaku ngoceba wakwa Ward 18, e Lutshaya, owabhatalela eli ziko imali engama-6000 eerandi neyayityalwa yile klinikhi. Emva kweminyaka emithathu le klinikhi yathi yaqhawulelwa umbane ngenxa yeli tyala linento yokwenza nokuzixhumela umbane okungekho mthethweni,  umbutho we EFF wandwendwela kuyo ukhokelwa ngu Cllr. Luvuyo Mafaka nowathi wakhupha kuye epokothweni.

Ukanti ngomhla wokuqala kule nyanga yeSilimela umbutho we EFF kuzwelonke ukhuphe ingxelo uvakalisa ukuba lo ceba ufumene imali engama-50 000 eerandi ukuze enze ezinye inkqubo zophuhliso kule wadi.

Umbutho we EFF kuzwelonke uqhwabele izandla uceba we EFF kwibhunga lomasipala wase Sajonisi nalapho kuvakala ukuba lo ceba wahamba umgama ogqithisileyo ekuncedeni iziko lezempilo lase Lutshaya ngobonelelo ngombane.

U Cllr. Luvuyo Mafaka uthe kuluvuyo kuye xa eqatshelwa nemisebenzi yakhe kuzwelonke.

Advertisement
Ekoneni Flames Food Corner

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Ndivuyiswa kukuba ndibe ngowokuqala kweli  phondo le Mpuma Kapa ophumeleleyo njengoceba oveleleyo kwinyanga ka Canzibe. Imali le ndiza kuyokukhangela ukuba kubantu bakuthi ingancedisa njani na ukubaphuhlisa” kucacisa lo ka Mafaka.[/perfectpullquote]

Ukanti isithethi we EFF, u Sinawo Tambo udize ukuba olu lukhuphiswano olujolise ekukhuthazeni ooceba be EFF ukuba bangasongi izandla koko baphakamele ukusebenzela isizwe njengokuthembisa kwabo. U Tambo ukwavakalise ukuba lo ka Mafaka sekulithuba emana ukubonakalisa umdla wokuphucula iimeko zabantu balo mmandla nanjengoko ekho namanye amaphulo awaqhubayo akumila kunje.

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Ukungenelela kuka Cllr. Mafaka kungumzekelo wokuzimisela kwakhe ukuqinisekisa ukuba uluntu lufumana iinkonzo zezempilo ezisemgangathweni” Kutsho u Tambo.[/perfectpullquote]

Ukanti imali engama-50 000 eerandi ephunyelelwe ngu Mafaka akukacaci ukuba iza kusetyenziswa kweliphi na icala nanjengoko umyalelo we EFF ungqingqwa kwelokuba maze isetyenziswe kwiinkqubo zophuhliso.

ALSO READ:  Eastern Cape Welcomes New Heads of Department

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

GET IMPORTANT UPDATES FIRST
Stay informed with news on agriculture, funding opportunities and jobs — so you don’t miss chances that could improve your income and future.

Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here