KUGWEDLWA AMACEBO OKUCUTHA ULWAPHULO MTHETHO E MBIZANA
Photo / Supplied
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

Umasipala wasekuhlaleni i Winnie Madikizela-Mandela ubambe indibano, ngomhla wokuqala kule nyanga yeSilimela. Le ndibano nebinjongo zayo zikukugwedla amaqhinga okusiphula neengcambu ulwaphulo mthetho olugquba kulo mmandla ibibanjelwe e Wild Coast Sun, e Mzamba, e Mbizana  Ukanti kuphawulwe izinto eziliqela njengonobangela wokunyuka kolwaphulo mthetho kule ngingqi, kutyholwa  ngelithi ukusetyenziswa gwenxa kotywala, iziyobisi phakathi kwezinye zezona zinto zinempembelelo koku.

Advertisement
Ubuntu Media

Kwabo bebeyinxalenye yale ndibano kungabalulwa inkonzo yabakwantsasana, iqumrhu lopoliso ekuhlaleni, iinkokheli zeetyalike kunye noosomashishini. Bonke bavakalise izimvo zabo malunga neyona nto ingenziwa ukuphelisa lo mkhwa. Ukanti umasipala wase Winnie Madikizela-Mandela uthi kuqapheleke ngenkxalabo ukuba ukonyuka kwezinga lentswela-ngqesho ngomnye wonobangela bolwaphulo-mthetho. U somlomo webhunga lolawulo kulo masipala wase Winnie Madikizela-Mandela, u Cllr.Zithobile Mhlwazi uthi ukungaphangeli kwabantu abatsha kukhokelela ekuthengisweni kweziyobisi.

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Abantu abatsha abaninzi kule ngingqi abaphangeli, ifike ke loo nto ibenze ukuba mabathengise iziyobisi, bezithengisela abantu abathile, abatya amaqhosha eebhatyi zabo” Kutsho u Cllr.Mhlwazi.[/perfectpullquote]

UMhlwazi ukwathe bengulo masipala basebenzisana nabo bonke abachaphazelekayo.

“Yiloo nto sibize amapolisa, I-CPF, oosomashishini, elapha ke namagosa okhuseleko kulo masipala kuba sifuna ukuva izimvo kuwo onke amacala, malunga nokuba singaloyisa njani olu tshaba” kongeze u Mhlwazi.

Oosomashishini base Mbizana bazigxeke kakhulu iziyobisi ngelithi zidlala indima ephambili ekuphembeleleni ulwaphulo mthetho, ebalula ubusela nokuphanga njengeyona mikhwa ibalaseleyo. Usekela nobhala wequmrhu loshishino e Mbizana, u Lucky Shusha uthe bazama ngandlela zonke ukuba badale amathuba engqesho ukuze kushenxe ikati eziko.

Advertisement
Ebathenjini Funeral Services

“Iinzame zethu noko zigalelwa amanzi abandayo ngabophuli-mthetho kuba singawona maxhoba kubo, kuba bekholelwa ekubeni amashishini ethu amumethe izikhuntyu zemali, nto leyo ingena bunyani” Kucacisa u Shusha.

ALSO READ:  Disaster Risk Management Awareness Campaign Held In Alfred Nzo District

Ukanti amalungu e-CPF atyhole inkonzo yesipolisa ngokungawafundisi ngokwaneleyo amanye amapolisa malunga nendima edlalwa leli qumrhu nanjengoko lityhola ngelithi amapolisa akabathatheli ngqalelo konke konke. U Sihlalo we-CPF kummandla wase Mbizana, u Nkskz. Nolindela Mngomeni uthe,

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Akhona amapolisa ayiqwalasela ngamandla, eyihlonipha kananjalo indima yethu kodwa amanye kuwo akasebenzisani kakuhle nathi” Kutsho u Nkskz. Mngomeni.[/perfectpullquote]

Amapolisa ebeyinxalenye yale ndibano, ekhokelwa ngumkomishinala kwisithili se Alfred Nzo, u Major General Majikijela nomemelele kuluntu ukuba luchaze iziganeko zolwaphulo-mthetho.

“Ukuba siyasebenzisana, abahlali mabazixele iziganeko zolwaphulo-mthetho, noku kuthengiswa kweziyobisi kuba kudlala indima enkulu ekubulalaneni kwabantu, kubangwa kwa ezi ziyobisi” kutsho u Major Gen.Majikijela. Ephendula kumba wamapolisa “angasebenzisaniyo nequmrhu i-CPF”, U Majikijela uthe kuya kuba lilishwa oko kuba amapolisa onke amelwe kukuba ayazi inxhaxheba ethatyathwa yi-CPF ekuhlaleni. U Majikijela ukwahlabe ikhwelo kuluntu lonke lommandla wase Mbizana ukuba lungabaxwayi abo balwa ulwaphulo-mthetho koko lubaxwaye egxeni, lusebenzisana nabo ukuze baphumele ngaphesheya bonke.

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

GET IMPORTANT UPDATES FIRST
Stay informed with news on agriculture, funding opportunities and jobs — so you don’t miss chances that could improve your income and future.

Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here