UMVUNDLA UZEK'INDLELA KUMCULI WOMASKANDI
Umculi woMaskandi u Balungile Ka Njemboqo ulandela ekhondweni likayise
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

Intombi yomculi woMaskandi ongasekhoyo nowayesaziwa ngo Njemboqo ilandele ekhondweni likayise ngokukhupha icwecwe layo lokuqala kwakulo mculo.U Balungile Tshezi(29) owaziwa ngelika Balungile Ka Njemboqo uthi ufuna ukukhumbuza abantu ngohlobo lomculo owawuculwa nguyise ngeentsuku zakhe zokudla ubomi.

Advertisement
Diamond Pride Bookshop

Kuyaziwa ukuba uNjemboqo wayeyindoda eyayisonwaya isigingci kodwa khange kulindeleke ukuba kuza kubakho ihlumela emva kwakhe nanjengoko kuvele le nzwakazi, nekwasebenzisa izimbo zikayise ezitsala uninzi lwabathandi bo Maskandi.

Ngethuba enodliwano-ndlebe  ne Nkonjane FM uBalungile uthe nangona wakhula uyise engumntu owehla esenyuka kodwa ulifumene ngokwaneleyo ithuba lokuba abenaye  kwaye afunde lukhulu ngalo mculo.

“Utata ebemana ehamba esiya eRhawutini, apho ebefika ahlale ixesha elide, ndabe ke nam ndisesikolweni kodwa akho amaxesha apho bendimana ukuhlala naye, kwaye ndimbone xa ecula eqongeni” Kucacisa uBalungile okhuphe icwecwe lakhe lokuqala elineengoma ezilishumi.

Ukwathe ekukhuleni kwakhe wayecinga ukuba uza kucula umculo  we Gospel kodwa ngenxa yokukhula komdla wokuphakamisa ilifa likayise uzibone sele ecula  uMaskandi.

Le ntombi eselula neyaziwa ngeengoma ezifana no-Ukuhleba, Umculo,Noyana, Akufundeki nezinye ikhuthaze abo bathi bazive bemadol’anzima nakuba besibona isakhono sabo, ukuba bangathyafi koko balandele amaphupha abo.

Advertisement
Tobo Burial Society

“Le ndlela iyahambeka nangona zikhona iinzima zakhona, ngakumbi kuba ixesha elininzi iyalithabatha.Singabantu abasoloko besendleleni thina ngenxa yalo mculo kodwa ke singaba, xa uzimisele entweni akukho nto inokukuphazamisa” Kutsho yena.

Ukwabongoze uluntu ukuba lumvotele niengoba echongiwe kwii MTCMA kuluhlu lwe Best IsiMpondo Artist.Ukanti ukumvotela ungathumela u MTCMA 302 kwinombolo engu 45633 kude kuvalwe ukuvota ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga la Tshazimpuzi.

ALSO READ:  Exxaro and Eskom Unite for a Greener Future

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

DON’T MISS IMPORTANT DEADLINES AND PAYMENTS

Get clear updates on SASSA, applications, funding and local opportunities — including how to fix common issues and avoid delays.

Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here