UMBHALI WAMABALI WASEMAMPONDWENI UNGUMHLOBO KUNYE NOSIBA
Books published by Mzoli Mavimbela. - iFoto: ithunyelwe
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

Umbhali weencwadi zesiXhosa, u Mzoli Mavimbela uphuma kwilali yase Ngxongweni , e Port St Johns kwaye ungumbhali ophume izandla, elinye lamabali akhe lifundwe kwisikhululo sosasazo, Umhlobo Wenene F.M.

Advertisement
Sinombuso Funeral Services

U Mavimbela oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu ngethuba ekudliwano-ndlebe ne Nkonjane Community Radio ubalule uthando lokufunda nokubhala njengowona nobangela wokuzibona sele engumbhali.

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Ndikhule ndingumntu othanda ukuzihlalela endlwini, ongaxabisanga kuhamba apha phandle, yenza ke loo nto ukuba mandizivalele ngeencwadi”.[/perfectpullquote]

UMBHALI WAMABALI WASEMAMPONDWENI UNGUMHLOBO KUNYE NOSIBA
Umbhali weencwadi zesiXhosa, u Mzoli Mavimbela. – iFoto: ithunyelwe

Lo mbhali weencwadi ezifana no “Amazwembezwembe kaGxuluwe, Zigqitywa kuhlwile zibonwe liwuhlabile“, Zezani na ezi zililo” phakathi kwezinye, uthi wathi akuziqaphela ukuba unesakhono sokubhala wadibana nonjingalwazi Ncedile Saule nowathi xa ebona ilinge  lakhe wamkhuthaza ukuba makaqhubeke.

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”UNjingalwazi u Saule wathi kum ndiza kuba ngumbhali ophume izandla ngenye imini, ndibhale ukogqitha naye ngenkqu”.[/perfectpullquote]

Ukwakhuthaze abo banomdla wokubhala ukuba bomelele kuba lo msebenzi awukho lula, ngakumbi kuba kufuneka uqiniseke kwaye ulugcine ulwimi obhala ngalo ukuze ungaziboni sele usisigculelo kubalesi. U Mavimbela uthi wathi akubona ukuba kukho imfuneko wathabatha ikhondo lokuhlela nokuncedisana nabo bathe babhala, ngokuthi abavumele baphakule kuloo vimba wakhe .

Advertisement
Ebathenjini Funeral Services

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Ihambo nzima indenze ndabona isidingo sokuba mandimana ukuncedisa abo banomdla wokubhala iincwadi zamabali ukuze ulwazi endinalo ndingalugcini kum kuba nam ndaluphokozelwa ngabo sele bekule ndlela”.[/perfectpullquote]

Ukwathi unomdla wokuba ngenye imini iincwadi zakhe zifundwe ezikolweni. Kwiinzame zoku, ukhuphe inguqulelo ehlalutyiweyo yencwadi yakhe ethi- Amazwembezwembe ka Gxuluwe.

ALSO READ:  Gugwini Community Hall Officially Handed Over to Residents in Ward 3, Emaxebeni

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

GET IMPORTANT UPDATES FIRST
Stay informed with news on agriculture, funding opportunities and jobs — so you don’t miss chances that could improve your income and future.

Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here