MASIPALA UXOLISILE NGO-BANNER EBHALWE NGOKUNGACHANEKANGA
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

Umasipala wasekuhlaleni i-Winnie Madikizela-Mandela ukhuphe ingxelo nalapho uxolisa ngempazamo eyenzeke ngethuba kuxhonywa  i-banner kwenye yeendawo zokuphuma kwi dolophu yase Mbizana. Oku kulandela ukuthi ndi komfanekiso wale banner phezolo,  ibhalwe ngendlela engachanekanga, nekuyinto abaninzi abayibone njengentlekisa, loo gama abanye bebevakalisa ukuphoxeka kukungahoyi kwabo bebebhale le banner. Ukanti bakho nabo batyhole lo masipala ngokunika abantu abangafundanga iziniki maxabiso.

Advertisement
Sinombuso Funeral Services

Abantu kumakhasi onxibelelwano bagxalathelene, bekhwela bezehlela kulo masipala ngenxa yale mpazamo, nalapho u masipala ukhuphe ingxelo ekhawulezileyo uxolisela le bhena.

Kwingxelo ebhalwe phantsi lo masipala uthe;

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Umasipala uxhome le banner ngeenjongo zokumana udlulisa imiyalezo ngamaxesha eeholide kulo nyaka.Kulilishwa ukuba injongo yale banner yogqunywe yile mpazamo”.[/perfectpullquote]

Lo masipala ukwathe le bhena yothulwe yaza yathunyelwa emva ukuze ilungiswe.

Othethela umasipala u Mnu, Cwibi uthe, “Zothulwe iibanner khon’ukuze i-service provider ilungise impazamo.” Xa ethetha kunye ne Pondoland Times uMnu. Cwibi uthe, lo msebenzi ungalinganiselwa kwi maki engange R50000 ukwenza ezi banner zintathu.

Advertisement
Ekoneni Flames Food Corner

“Kulindeleke ukuba ithathe ixesha elingangeveki ezintathu ukulungiswa”. – utshilo u Mnu Cwibi

ALSO READ:  Durban Beaches: “The thriving tourist destination is filthy, dirty, and disgusting”

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

DON’T MISS IMPORTANT DEADLINES AND PAYMENTS

Get clear updates on SASSA, applications, funding and local opportunities — including how to fix common issues and avoid delays.

Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here