Nomboleko Noludwe Simayile (32) from Engcobo, Eastern Cape has died. She was arrested for allegedly killing her four children between the age of 2 and 11 with a sledge-hammer. Nomboleko was arrested immediately after she told her father that she killed her children however, the police were still investigating the murder case.

Kukho inkxalabo yokujongana ngezikhondo zamehlo phakathi kweentsapho ezimbini kwilali yakwa Nxarhabe, e Flagstaff. Oku kulandela ukutshiswa kunqonqiswe umzi wakwa Hintsa nekusisiganeko ekutyholwa ukuba senziwe ngamalungu osapho lwakwa Giyo kwakule lali.

Iingxelo zidiza ukuba  yonke le ngxwaba-ngxwaba iqale ekuthambekeni kwenyanga ka January, apho ilungu lakwa Hintsa labetha ngephanga umfana wakwa Giyo, nowathi waswelekela esibhedlela e Holly Cross.

Ezi ngxelo ziqhuba zithi usapho lombulali lwagqiba ekubeni lufakane imilomo nosapho lwakwa Hintsa ukuze luncedise ngeendleko zomngcwabo, waza wangcwatywa umfi ngomgqibelo, umhla weshumi elinanye kule yoMdumba. Ukanti kutyholwa ngelithi amanye amalungu osapho lwakwa Giyo angaxolanga abekeke kwa Hintsa afika antumeka izindlu ngomlilo, ze kwafuneka abantu abaphakathi kwezoo zindlu baphume okweempuku.

Ilungu losapho lwakwa Hintsa elingathandanga ukuba igama lalo lithiwe pahaa ngenxa yokuba lingagunyaziswanga ukuthetha nabeendaba, lithe kuwuxhelile umzi oku.

“Kusothusile kwaye kwasikhathaza ukuba kusuke abantu abangahlali nalapha, baqoqane bayokutshisa phaya ekhaya ekubeni kuxoxiwe zezi ntsapho nathi sevana kwelokuba siza kuncedisa ngeendleko zomngcwabo sakwenza oko. Siyikhuphile imali(wayibiza ukuba yimali ni), sazikhupha nezinye izinto ukulungiselela umngcwabo”

Ukanti le ndoda ijamelene nezityholo zokubulala yazinikezela kwabakwantsasana,yaza yavela kwinkundla ka Mantyi e Flagstaff ngolwesibini umhla  weshumi elinesine kweyoMdumba, kodwa abakwa Giyo khange baye kule nkundla kuba besithi bawuxoxile lo mcimbi bawugqiba ze kwaxolelwana. U Thulani Giyo nonguyise womfi uthi besingazubakho nesidingo sokuba kuyotshiswa umzi wakwa Hintsa kuba baxoxile ngalo mba.

“Thina silusapho lwakwa Giyo singabantu abanoxolo kakhulu.Lo mba uxoxiwe wagqitywa zezi ntsapho zombini,badincedisa nagomngcwabo womntwana wam”.

Abahlali bakwa Nxarhabe baxhalabele ukuba kungavumbuluka udushe olungaphenjelelwa kukungaboni ngaso-nye phakathi kwezi ntsapho.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here