Ward 12 State of the Ward Addres
iFoto ithunyelwe

Iqhube kakuhle inkqubo yobume be wadi yakwa ward 12 ngolwesine kuleveki, nebisothulwa ngohloniphekileyo uCllr P.M Mafilika nonguceba wale ndawo.

Eli phulo lelokuqinisekisa ukuba urhulumente uyafikelela ncakasana eluntwini kwaye noluntu lufumana ithuba lokudlana indlebe norhulumente malunga nenkqubela ngokwezenkonzo. Eliphulo likwaqinisekisa ukuba uluntu luyaxhotyiswa ngokolwazi khonukuze bathathe inxaxheba besazi.

Ward 12 State of the Ward Addres

Phakathi kwezinto ezingumcelimngeni kule ward ngumcimbi wamanzi. UMasipala wase Ntabankulu uthe gqolo ukulandelela umasipala ombaxa wase Alfred Nzo nokunguwo ofakela amanzi kwindawo yonke yase Alfred Nzo.

Eminye imicelimngeni urhulumente uyakhwulelana nayo kuquka ubume beendlela. Apha kwa ward 12 ikhona indlela ekwiphulo lokwakhiwa njengangoku kwindawo yase Magqagqeni nangona zisafuneka iindlela nakwezinye iindawo.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here