Ngomhla wesibhozo kweyoKwindla kulonyaka umiyo, usodolophu womasipala wasekuhlaleni uMzimvubu uCllr Zukiswa Ndevu ubambe inkqubo yokuhlola inkqubela kwii projekti eziqhubayo kulomasipala. Usodolophu uqale ngokundwendwela isakhiwo seholo kwilali yase Ntshakeni neSkhamane kwaward 7 eMaxesibeni. Loka Ndevu uchaze wathi ulwakhiwo lwaleholo luqale kwinyanga yoMqungu kulonyaka ka 2023 yaye besisigqeba sika masipala banochulumanco kukubona inkqubela esele ikhona kolulakhiwo, nanje ngokuba sele ikwisigaba sokuxhoma uphahla. “Le holo ixabise imali engaphaya kwezigidi ezibini ezinesihlanu ‘2,5 million’ nekucwangciswe ukuba ibekumgangatho walamaxesha.
Kulindeleke ukuba ibeneethayile zaphantsi zodidi, ifakelwe umbane, izindlu zangasese zamadoda nezabantu ababhinqileyo, indawo yokuhlamba izandla, indlela ehamba ngekhonkrithi ngaphandle kweholo, iitanki zamanzi emvula, ngaphakathi ibenezitulo kwakunye neetafile yakugqiba ibiywe ngocingo.
Sinethemba lokuba xa sele kugqityiwe sakufumana inxaso yokwenza udonga lokunqanda ukhukhuliseko ngenxa yendawo emekuyo ze emvakoko kucocwe ilungele ukunikezelwa ngokusesikweni. – uqhube watsho uSodolophu.
Okhokele ezonxebelelwano kwakunye nabasebenzi kule projekti uvakalise wathi “sisebenzisana kakuhle kakhulu noceba nonokhontilakhi kunye noluntu lwalapha kule ward, yaye sivuyiswe kukuba ingabantu abalishumi elinesibhozo bezilali zimbini iNtshakeni neSkhamane abathe bafumana ingqesho kule iprojekthi. Uyaqhuba umsebenzi yaye siyazuza nezakhono kwezokwakha, sonwabile ikati isukile eziko. Sinomnqweno wokuba le projkti ingaqhuba ithuba elide noko siqhubeke nokubeka isonka etafileni, nanjengokuba kulindeleke ukuba emva kwenyanga ezintlanu ukuya kwezintandathu agqitywe umsebenzi.” utshilo uOdwa Jakuja.
Obethethela abahlali umama uMasilangwe Gawulana uthe bayabulela kakhulu bengabahlali balewadi bezakuba ne holo elilelabo nanjengokuba bebefudula bengenela iintlanganiso babambele nemisitho yelali kwisakhiwo se cawa. “Ndinemicili kuba nathi zisakutsho sifane nezinye iilali, nolutsha lwalapha luzakufumana indawo yokubamba inkqubo zalo, sinomnqweno wokubona kuziswe nezinye inkonzo esizidingayo, utshilo umhlali. Uceba we wardi u Cllr Nkululeko Xolo uqukumbele ngokubulela ubambiswano nanjengokuba kude kwakwesisigaba kungakhange kuvele’ngxwabangxwaba ekwabongoza abahlali baqhubeke nokubambisa norhulumente ingakumbi xakusiziswa inkonzo kubo.