Pitbull Pit bulls
Photo by Mao Li: Pexels

Umphathiswa wesebe lezolimo, uhlengahlengiso lomhlaba kunye nophuhliso lwamaphandle, u Thoko Didiza wamkele uxwebhu oluphuma kwiziko i Sizwe Kupelo Foundation nolumemelela ukuba zibhangiswe izinja zohlobo lwee pitbulls. Oku kuthi gqi emva kokuba ngo October wonyaka wama-2022 eli ziko laphehlelela isibongozo sokuba kubhangiswe olu hlobo lwezinja. Esi sibongozo saxhaswa ngabaninzi nabathi batyikitya kumakhasi onxibelelwano, emva kokuba kubonakala ukuba kuza kuphela abantu bebulawa zii pitbulls.

 

WAMKELE ISIBONGOZO SOKUBHANGISWA KOONONGQOVU U DIDIZA
UGqirha <a href=httpswebfacebookcomsizwekupelofoundation>Sizwe Kupelo<a> PhotoSupplied

Ukanti ngomhla weshumi elinanye kule kaTshazimpuzi umphathiswa u Didiza ubambe indibano nogqirha Sizwe Kupelo malunga namanyathelo athatyathwe leli sebe emva kokuthi ndi ukuba ezi zinja zingqofoza abantu, kusenzeka oko emva kwesiganeko sakutsha nje sokutyiwa kwenkwenkwana yakwa Mthi , e Dikeni ethe yaswelekela esibhedlela. Isixoxi sesebe lezolimo, uhlenga-hlengiso lomhlaba kunye nophuhliso lwamaphandle,  u Reggie Ngcobo uthi le ndibano ibeneziphumo ezincumisayo.

“Siye sahlala neziko i Sizwe Kupelo Foundation kuba sifuna ukubeka etafileni oko sikwenzileyo njengesebe. Iinzame zethu kukuba senze uphando malunga nolu hlobo lwezinja kuba ngokwazi  kwethu ayikho inja eluhlobo lwe-pitbull ebhaliswe  e Mzantsi- Afrika.”Kutsho u Ngcobo.

Ukwathe baza kuthabatha amanyathelo  ukunqanda ezi ziganeko zingxamele ukuphulukanisa abantwana nabazali babo ngaphambi kwexesha.

Ukanti umsunguli we Sizwe Kupelo Foundation uGqirha Sizwe Kupelo uthe banethemba eliqinileyo lokuba umphathiswa uza kunika impendulo eza kuxolisa ilizwe  lonke.

WAMKELE ISIBONGOZO SOKUBHANGISWA KOONONGQOVU U DIDIZA
Iziko Sizwe Kupelo Foundation

“Asilindelanga kufumana impendulo eza kuza nesisombulo sexeshana kuba sifuna ukuba xa kuthatyathwa isigqibo sibe sesoo siza kuza nesona sisombululo” Kutsho u Gqirha Kupelo.

Kodwa nangona kunjalo uthi eyona nto bayingxameleyo kukuba kude kunqandwe oku konzakala kwabantu ngenxa yezinja.I Sizwe Kupelo Foundation yayicacisa kwasekuqaleni into yokuba izinja mazingabulawa kodwa olu hlobo maluthatyathwe luyokugcinwa kwindawo ekhuselekileyo. Ukanti abantu abaxhase oku nabatyikitye esi sibongozo bangama 139 000.Icekwa ke ngoku lilele kurhulumente emva kokuphothula uphando, ukuba sithini isisombululo sale ngxaki.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here