Ingquza Hill local municipality

Indoda engaziwayo nezibiza ngo Khumalo ikhohlisa abantu abadinga imisebenzi kumasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill, ngelithi ingabafaka emsebenzini ukuba banokukhupha intshontsho. Le ndoda iwa emnxebeni itsalele abantu isithi zikho izithuba zemisebenzi koko ukuze kube lula umqeshwa lowo makakhuphe imali engamawaka amathandathu eerandi.Kuthyolwa ngelithi le ndoda izazisa njengomntu ongusomaqhuzu kwezengqesho kulo masipala, into eyenza ukuba uninzi lucinge ukuba ngenene ngumntu onento nantso.

Ophantse walixhoba lalo tsotsi, u Gyna Sidudlu nowakwa Cele kwakulo mmandla wentab’eNgquza uthi uthe akufumana lo mnxeba ingqondo yakhe yazula-zula kuba nangona ibotyo yakhe ibingaqini  nje kodwa ukudinga kwakhe umsebenzi kumenze wafuna ukusabela.

“Unditsalele umnxeba esithi undifumanele umsebenzi kodwa kuza kufuneka ukuba ndibhatale amawaka amathandathu eerandi ukuze ndingene ngokulula” – Kutsho u Sidudlu.

Ukwathe njengomntu odinga umsebenzi uvumile ukuba uzakwenza konke akuyalelweyo ngomlomo ka “Khumalo” kodwa wafikelwa yingcinga yokuba makaqale apha kwii  ofisi zakwa masipala ukuze eve ukuba ngenene zikho na izithuba zengqesho.

“Ndiqaphele ukuba kule nto yokuqeshwa kwam eyona nto iphambili kukuba mandikhuphe imali” – Kucacisa u Sidudlu.

Umasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill uthi iziganeko ezikumila kunje zihlala zifika kwiindlebe zabo kodwa uluntu luhlala lulunyukiswa. Umanejala kulo masipala, u Velile Makhedama uthi loo masipala unemigudu oyilandelayo xa upapasha izithuba zengqesho.

“Sisoloko silumkisa abantu bakuthi ngaba bakhohlisi, kwaye siyafuna ukuba abantu bazi ukuba umasipala awuyithengisi imisebenzi” – Kutsho u Makhedama.

Lo ka Makhedama umemelele kuluntu ukuba lungatyi amacwaka xa kukho unqevu okrokreleka njengokhohlisa abantu ebathembisa ngemisebenzi engaginyaziswanga, ngakumbi xa eza kubaxhesha ngokubabhatalisa.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here