USHIYEKE EME NEMATHA OQOLWE NGUSONYANGA
Emva kokuthumela le mali enyanzeliswe ukuba ndiyifake kwivenkile, kungabisebhankini, kungene umqhafazo othi ikhona imali eyi R3 000 000 ebhankini

Indoda eqikelelwa kwiminyaka engamashumi amane ubudala yase Nzondeni iqhatwe ngozibize ngenyanga, wayizimbula amawaka asibhozo eerandi ngelithi uza kufumana izigidi ezintathu zeerandi. U Baba Shange, nanjengoko ezibiza, usebenzisa izikhululo zasekuhlaleni nezithenjiweyo ukutsala amaxhoba akhe, nekuyinto eyenze ukuba eli xhoba lamva nje nelingathandanga negama lalo ngenxa yokukokosa isidima salo, likhuphe amawaka amabini eerandi abizwe ngulo “mgulukudu wenyanga” ukuze kuqale umsebenzi.

“Emva kokuthumela le mali enyanzeliswe ukuba ndiyifake kwivenkile, kungabisebhankini, kungene umqhafazo othi ikhona imali eyi R3 000 000 ebhankini yam kodwa ukuze ihlanjululwe mandibhatale amawaka aluthoba eerandi”.

Uthi emva kokuba engakhange akwazi uye wacela ukubhatala i R 6000 ze ayikhuphe kamva enye. Le mali ebeyithatha kuleyo enza ngayo ishishini lakhe lokuthengisa utywala. Uthi uye wothuka xa iphelile imali engasakwazi nokuthenga izinto zeshishini lakhe, zabuya iingqondo, wacinga ukuba kunokwenzeka kuthi kanti uqhathiwe.

Into endenze ndakrokra kukuba ebendifuna le R3500 ndingekamniki yona kodwa sele ingakuye i R8000. Ndiye ndamcenga ndisithi ayikho enye imali ngoku kodwa akavuma. Uthe apho onela khona wandihleka, emva koko khange aphinde afumaneke emnxebeni.

Le ndoda ithi ngokuya ecinga kuyafika kuye ukuba sisizathu sokungafuni kufunyanwe iinkcukacha ngaye esenze ukuba athi le mali mayifakwe evenkileni. Kuthe kanti le nkewu izibiza njengendoda enamandla nethi isebenzisa abafana abafutshane, kudala isitya iimali zabantu ngale ndlela ingcolileyo.

I Pondoland Times incokole nesikhululo sasekuhlaleni Inkonjane Community Radio nalapho ibifuna ukuqonda malunga nalo Baba Shange. Umphathi wesikhululo, u Simbongile Mmbo uthe xa bedlala nayiphi na intengiso balandela imigudu yebhodi elawula unomathotholo nosasazo, ethi mabaxelelwe abaphulaphuli ukuba iintengiso azinanto yakwenza nesikhululo koko zizezomnini ntengiso.

“Ngaphambi kokuba sidlale iintengiso zethu siqala ngokudlala into exelayo ukuba asiyi kuthabatha xanduva nangayiphi na into eyakwenzeka emva kokuba ubani eve loo ntengiso kuba asinayo indlela yokujonga ubunyani okanye ubuxoki kuyo koko xa ibhatele sivumelekile ukuba masiyidlale”.

Ukanti ixhoba eli lithi kunga kungagqibela ngalo ukuqolwa ngusonyanga ngolu hlobo nanjengoko lisithi kungoku nje endaweni yokuncedakala kuphalale ishishini lakhe ebesele lisiza kakuhle.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here