UMBUTHO OLAWULAYO UMEMELELE UKUNQUNYANYISWA KOQHANKQALAZO
- ifoto ithunyelwe

Kuvumbuluke uqhankqalazo olumise ngxi iinkqubo zokusebenza eSajonisi ngomvulo umhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyoMdumba nalapho abahlali balaa mmandla bevale indlela, akwabikho ungenayo engekho nophumayo. Aba bahlali khange bafune nokuva kodwa bame kwelokuba umbutho we ANC mawususe esikhundleni usodolophu kulo masipala wase Sajonisi, u Nomvuzo Mlombile-Cingo.

Ukanti umbutho we ANC ukhuphe isigidimi ukuya kunqanda nokuva oyena nobangela wokumiswa kwedolophu. Aba bahlali bathe vovololo banika indlebe esi sigidimi.

Isithethi se ANC kwisithili se OR Tambo, u Mntuwoxolo Ngudle uthi ukubheka estratweni  kumele ukuba kube lilinge lokugqibela, emva kwengxoxo eziphanzileyo.

“Siyile e Sajonisi ,sadlana indlebe nabahlali  sisithi ukuze sikwazi ukumamelisisa kakuhle mabanqumamise le migushuzo”Kutsho u Ngudle.

Ukwathe eyona nto ingamandla kukuba ezi ntshukumo ziza kuphazamisana nabantu abangenanto yakwenza nazo kuba nangona ugwayimbo lunqunyanyisiwe, ii ofisi zakwa masipala zisavaliwe. Ukanti bona abahlali bathi abakabina zicwangciso zokuzivula ezoo   ofisi de kwenzeke oku bakufunayo. Ukanti ezi ntshukumo zibonakale kwangeyeNkanga kunyaka ophelileyo nalapho aba bahlali benyanzelise ukuba usodolophu u Mlombile Cingo alahle kwisikhundla sakhe, bethyola ububhutyu-bhutyu bolawulo lwakhe. Endaweni yoko ungene ityeli lesibini njengosodolophu.

UMBUTHO OLAWULAYO UMEMELELE UKUNQUNYANYISWA KOQHANKQALAZO
ifoto ithunyelwe

Kusenjalo uphiko lwamanina lombutho weANC kwiphondo kwisithili se OR Tambo lutyhola ngelithi olu luhlaselo olubhekiswe kwinina elingu Mlombile Cingo. Lo mbutho uvakalise ukungaxoli konke koku. Umququzeleli wesigqeba esijongene nemicimbi ye ANC kwisithili se OR Tambo u Nomvula Ponco uthi,

“Kusoloko kusemdleni wethu ukuba silwe nokuphathwa gadalala kwanina nabantwana. Oku ke sikujonga njengohlaselo olujoliswe kwelinye inina, into ke esingena  kusonga izandla, sithi cwaka ngokungathi akwenzeki nto, libe elinye inina lingaphathekanga kakuhle. Sikuhloniphile ukubekwa kwezimvo kodwa into esingenako ukuyivuma kukubona umntu olinina esenzelwa nzima umsebenzi wakhe”.

Ukanti ngoku kulindwe usuku lomhla wesithathu kule yoKwindla, apho kuza kubuya impendulo esuka kwi ofisi ka nobhala we ANC kwiphondo eli leMpumaKapa u Lulama Ngcukaithobi. UKuba ke le mpendulo auibaxolisanga abahlali bathi kungabonwa imigushuzo kwakhona eza kukhokelela ekuvalweni kwendlela kwakhona, ngemithi nkqu nangezigadla kwakhona.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here