Dear Rhulumente

By: Luvuyo Mzinjani

 

Ndibhala lencwadi ngosiba eselizophela,

Ndiyibhala ndibuhlungu entliziyweni,

Ndixhelekile emphefumlweni nasentliziyweni,

Ndiqhutywa yintlungu endiyibonayo mihla yonke.

 

Ndihleli ndibukele iminyaka iyaqengqeleka,

Ndiva intetho enye mihla le yokuphila,

Nalapho lo ntetho iza xa kanye nikhankasa,

Nisithembisa ngezithembiso eningazifiziyo,

Nisithembisa ngezulu nomhlaba,

Nathi silukuhleke kuba siqhutywa yindlala.

 

Inqaba kuthi kusokophulwa nina nityele ezithebeni,

Thina silwe ngamathambo asele ekhukhuziwe,

Nosule izandla ningene endlini nivale amacango,

Sisale ngaphandle sibhuqwa liphunga.

 

Namhlanje nimaxhapheshu nicela uncedo kuthi,

Nathi ke siyolukuhleka kuba singxalathelana sinceda,

Ibhadi lethu linye leloba sikhohlwa msinya

Ukuba sikhokelwe zingcuka ezombethe ufele lwegusha,

Inene ixhoba liyancanyathelwa sisimo.

 

Dear Rhulumente

Siyini na esethu isabelo kulonomgogwana niwubiza ngenkululeko?

Xa indlala nentlupheko zisiphanga- phanga,

Zisiphehlulisa ngendlela esisimanga kodwa nibukele,

Phendula rhulumente waseMzantsi, sesethu esisabelo?

 

Dear Rhulumente

Isiphethe intluphek’ iyasiphehluzelisa,

Isehlisa iintlambo, isenyus’ iminqantsa

De sakhafula iziqalekiso sigxibha umhl’ wenkululeko,

Umhla owasiphathela ohlohl’ esakhe, namamenemene.

Rhulumente wakuthi sayaphi isazela?

 

Dear Rhulumente

Thina baVote, bakufika ubusika asibuxelelwa sibuva egazini,

Kutshiza inkwankca kusasa nangokuhlwa,

Senza amatile-tile siphemba umlilo kwimvula,

Kodwa nina nivela ngobuso kwezimfumamfuma,

Thina sithe yaca kwimirhajana engacacanga siqhaqhazelis’ amazinyo

Kodwa namhlanje singaboqala ezintliziyweni zenu kuba nikholosile.

Qhubabi nisenze iziyatha zenu,

Kodwa ke okungapheli kuyahlola.

 

Ngethemba lencwadi ifikile kuwe.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here