Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.
Wonyulwe njengoSomlomo omtsha webhunga kumasipala waseMzimvubu u Cllr Nkosomzi Nomnganga. Ulonyulo luka Somlomo omtsha luqhube kwintlanganiso yebhunga elikhethekileyo ebibanjwe ngomvulo, umhla woku-1 kweyeThupha KwaBhaca. Iinkqubo zebhunga zonyulo lukaSomlomo omtsha zikhokelwe liGosa elinoxanduva loko , uMnu Tobela Nota.
Unyulo lukaSomlomo lwenziwa ngokungqinelana nesahluko sesithathu soMthetho wamaSebe ooMasipala kuRhulumente weNgingqi othi ibhunga likaMasipala ngalinye kufuneka libe nosihlalo oya kubizwa ngokuba sisithethi. Kwindibano yalo yokuqala emva konyulo okanye xa kukho imfuneko yokuvala isithuba, iBhunga likaMasipala kufuneka linyule uSomlomo walo kooCeba.
UMphathi kaMasipala okanye ukuba uMphathi kaMasipala akafumaneki umntu otyunjwe ngumphathiswa kurhulumente wengingqi kwiphondo, uchophela unyulo lukaSomlomo. Emva kokwamkela indima yakhe entsha, wongezelela ngelithi,
I Bhunga lika Masipala linqwenelele u Nomnganga okuhle kodwa kwisikhundla sakhe.
DON’T MISS IMPORTANT DEADLINES AND PAYMENTS
Get clear updates on SASSA, applications, funding and local opportunities — including how to fix common issues and avoid delays.









