KUTYHOLWA UTYWALA KOSWELEKE NGEQUBULISO
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

Basothukile abahlali belali yaseZidakwini, kude kufuphi ne Holly Cross, e Flagstaff kukusweleka ngequbuliso kowasethyini oneminyaka engamashumi amabini anethoba, wakwa Mgilane. Esi siganeko senzeke ngomvulo, umhla wamashumi amabini anesine kwinyanga kaTshazimpuzi kwaye kurhaneleka ukuba umfi utsarhwe yibhotile yotywala.

Advertisement
Sinombuso Funeral Services

Ukanti olilungu  losapho, Nonkazimlo Mgilane uthe esi siganeko sixelwe ngabahlobo bakhe nabathe ukuqala kwabo ukubona ukuba akekho kwimeko eqhelekileyo bacinge ukuba unxilile kanti kungexesha ephulukana nomphefumlo wakhe

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Ebengaqali ukusela,asazi ke ukuba yintoni le isuke yamongamela. Kodwa ke kuthiwa ebesela ibhotile engayingxenganga, nekuyinto ke ekurhaneleka ukuba yiyo esube umphefumlo wakhe” Kucacisa u Mgilane.[/perfectpullquote]

Akukacaci ke ukuba uza kuba nini na umngcwabo ngenxa yokuba kusalindwe iziphumo zoqhaqho, ukanti nemeko yekhaya ayikho ntle ncam, into ke ezakwenza ukuba kube nzima ukulungiselela. Ukanti kusenjalo ilungu lekomiti kule wadi, u Nonkumbuzo Gxabhu uthi indawo yentselo le yeyakokwabo kwaye umbonile umfi ezokuthenga le bhotile kodwa wothuke wabanda xa sele ebizwa kamva exelelwa ngesi siganeko. Ukwathe uzibonele imeko yekhaya engekho ntle konke.

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Ukuba bekungalindwanga iziphumo zoqhaqho besinokucebisa ukuba kusutywe loo nto ikhoyo kungcwatywe kuba kwa umfi ebezihlalela  yedwa” Kutsho u Gxabhu.[/perfectpullquote]

ALSO READ:  PRESIDENT RAMAPHOSA TO VISIT FLOOD-AFFECTED AREAS IN PORT ST JOHNS

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

DON’T MISS IMPORTANT DEADLINES AND PAYMENTS

Advertisement
Ebathenjini Funeral Services

Get clear updates on SASSA, applications, funding and local opportunities — including how to fix common issues and avoid delays.

Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here