kukwaxhotyiswa oosomashishini abasakhasayo
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

Abahlali baku Mathe, Flagstaff bakhwebe Isebe lophuhliso loqoqosho, okusingqongileyo nokhenketho kwiphondo leMpuma Kapa, ngomhla wamashumi amabini ananye kule yoMdumba ukuze lizokudibana nabo ngezona ndlela zinokuphuhlisa amashishini abo. Ezi ziinzame zabahlali balo mmandla zokukhweba abanolwazi malunga nokuphuhliswa koqoqosho lwalo mmandla. Umaspala wasekuhlaleni iNgquza Hill ubuyinxalenye yale ntlanganiso yokwabelana ngolwazi kunye nabahlali bakuMathe. Kule ntlanganiso kufundiswe, kukwaxhotyiswa oosomashishini abasakhasayo malunga namashishini abo kunye neendlela abangathi bazilandele xa kufuneka bafumane inkxaso kurhulumente.

Advertisement
Diamond Pride Bookshop

Ngosomashishini abasakhulayo abohlukeneyo ebebeqoqelene kwiholo yoluntu i Sobho Ngxaliwe bezokubeka iindlebe kula magosa ngethuba ecacisa ngeminyango enokuthi ingenwe kwanemigudu enokulandelwa xa ubani enga angafumana inkxaso okanye amacebo okuqala elilelakhe ishishini.Ukanti nabo banookopoletyeni bazuze lukhulu kule ndibano.

U Andisiwe Mrhiga olilungu lombutho wabantu abatsha abalimayo ze bathengise uthi le ndibano iza kubancedisa, esithi nangona beqalisile ukuthengisa izityalo kodwa bebengenalo ncam ulwazi lokuba ngawaphi amaqhinga abanokuwenza ukuze ishishini labo liphumelele.

“Ndivuye kakhulu kuba le ndibano ithetha nathi, ngakumbi thina bantu abatsha kuba siyafuya , ze sithengise iinkukhu,amaqanda kunye neehagu.Silima nokulima sithengise ezoo zityalo”

Ukwathe banomdla wokuqhubekela phambili, watsho edomboza kumasipala ukuba abancedise nangendawo ethe gabalala ukuze balime ngakumbi.

“Sinomdla wokuqhubela phambili nokulima, ntonje sisaswele umhlaba owoneleyo, yiloo nto simemelela nakumasipala ukuba asenzele icebo sifumane indawo esiza kuqhubela kuyo”

Ukanti kusenjalo u Masibona Sajini ongumhlali waku Mathe uthe kuthe qwenge kuye kuba naye ungumlimi kwanomfuyi.

Advertisement
Tobo Burial Society

“Kuthe kwakufika la magosa akwarhulumente kwasa kum kuba bendilima,ndifuya kodwa ndingazi ukuba ndiza kubheka ngaphi na ukuze ndiphuhliseke”.

Igosa eliphuma kwi ofisi yesebe lophuhliso loqoqosho,okusingqongileyo kunye nokhenketho lithe kukwizicwangiso zabo ukuba ubuncinane kanye ngekota babambe iindibano zokuxhobisa abantu besithili se OR Tambo malunga nokuqalwa kwamashishini ukuya kuphuma ekufakeni izicelo zenkxaso-mali.Ukwathe bakhethe ukuba bandwendwele lo mmandla we Ngquza Hill kuba bebone indlela abahlali balapha abazimisele ngayo ukuqala amashishini.

“Sifumanise ngesebe lophuhliso lwentlalo ukuba abantu balapha ku Mathe banomdla kakhulu kule nto inokuphuhliswa kwamashishini, saqonda ukuba masibahambele ukuze sibaxhobise” Ugqibele ngelo u Nosenga.

Ukanti uthe iindibano ezikumila kunje zizisa umohluko omkhulu, ze zisuse nenkungu emehlweni kubahlali, esithi babonakala beyimiqodi ukuya kwii ofisi zabo e Mtata ngeliyokuqonda kabanzi ngoko baxhotyiswa ngako.

ALSO READ:  Alfred Nzo East District in Eastern Cape To Host Inkciyo/Indoni Cultural Youth Camp to Combat Teen Pregnancy

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

GET IMPORTANT UPDATES FIRST
Stay informed with news on agriculture, funding opportunities and jobs — so you don’t miss chances that could improve your income and future.

Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here