KUGXIJWA ABOPHULA UMTHETHO BEKWINGQAWULE ELUSIKISIKI

Kugxekwe kabukhali ukukhululwa kwamabanjwa ngengqawule ze aphinde ophule umthetho loo gama esephantsi kweliso leziko leenkonzo zokuleko. Ngomhla weshumi elinesibini kule inyanga yekhala bekubanjwe iindibano nabahlali base Lusikisiki. Oku kuza emva kokuba u Mkomishinala kazwelonke wesebe leenkonzo zoluleko eyalele isebe lolungiso-zimilo kunye nemimandla ukuba iququzelele uthetha-thethwano noluntu lwaseLusikisiki phantsi koMasipala waseNgquza.

Le nquleqhu ithi gqi emva kokuba indoda eneminyaka engama-25 yaxhaxha amalungu amane osapho lwayo ngezembe. Iingxelo zithi lo mfo wagqekreza umakhulu wakhe, uMalume, umkhathaleli kunye nenkwenkwe eneminyaka emi-2 ubudala. Umtyholwa wenze ezi zenzo zolwaphulo-mthetho ngelixa ekwingqawule emva kokugwetywa ngetyala lokubulala. Uxhamle kuxolelo luka-2019 kunye nakwi-Covid special dispensation ka-2020. Wakhululwa ngo-2020 phantsi kokhathalelo lukamakhulu wakhe.

Ngaxa lithile wabanjelwa ukubulala kwizibuko iSt Jones waze wakhululwa ngebheyile. Kungoku nje ugcinwe kwiziko loluleko eLusikisiki. Esi siganeko sibangele ukuba iSebe leeNkonzo zoLuleko libandakanye abachaphazelekayo ekudaleni ukuqonda malunga nengqawule.

Ukanti abahlali base Lusikisiki bagxeke kabukhali imithetho ejikeleze ingqawule, beyityhola ngokungayisi so imeko yamaxhoba. Yintlaninge yamaxhoba odlwengulo akhale ezimathontsi ngokungathatyathelwa ngqalelo kwamatyala okudlwengulwa kwabo.

Mna ndadlwengulwa ngamadoda amane phambi kwabantwana bam kodwa ityala zange lihambele ndawo, kwaye namapolisa zange andihoye nokundihoya. – Uthethe wenjenje olixhoba.

Ukanti ibhinqa elingaxolanga yindlela umthetho osebenza ngayo ngakwingqawule, nelikwalixhoba lodlwengulo, lithethe kwehla iinyembezi ligxeka urhulumente ngokukhathalela amabanjwa kunokuhoya amaxhoba onzakeleyo emphefumlweni.

“Ndiyabhideka mna yindlela asebenza ngayo urhulumente, kwaye ndiyarhalela ukuba ibhekisiswe indlela eli sebe elisebenza ngayo kule nto inengqawule” Kucacisa ibhinqa nalo elingena kukhankanywa ngenxa yokuquma isidima salo.
Kwincoko engashicilelwanga nelungu lebhodi yengqawule sifumanise ukuba nayo le bhodi ifumana uxinzelelo kwaba ngasentla, ukuba abo baselungelweni lokufumana ingqawule bayinikwe. Ukanti kusenjalo umkomishinala weenkonzo zoluleko kuzwelonke, u Mnu. Samuel Thobakgale uthembise ukuba baza kuziqwalasela izikhalazo zoluntu .

Kodwa siyafuna ukuyicacisa nento yokuba esi senzo siyakhwankqisa kuba sileli sebe sineenkqubo esiziqhubayo, zokuba amabanjwa akwazi ukujika izimilo zawo. – kutsho u Mnu. Thobakgale.

“Sikwamemelela nakuluntu ukuba abo lubamkele abo baphuma kumaziko oluleko ukuze bangabuyeli kwakhona” Ulebele ngelitshoyo u Thobakgale.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here