KUBHIYOZELWE IVEKI YAMATHALA EENCWADI KOWENGQUZA

Isebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko kwisithili se OR Tambo libambe umsitho wokubhiyozela amathala ngolwesine, umhla wesibini kweyokwindla. Lo msitho ubanjwe ngenjongo yokukhuthaza uluntu ukuba maluwasebenzise amathala ukuzuza ulwazi. Phakathi kwabo bebeyinxalenye yalo msitho ngumasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill. Kukwaqhutywe nezinye iinkqubo ezifana nokhuphiswano lopelo nalapho bekumenywe abantwana abaphuma kwizikolo ezikulo mmandla wentabeNgquza ukuba bazokukhuphisana.

Usekela mqondisi kumathala kwisithili se OR Tambo, u Lwandile Dastile uvakalise ukubaluleka kokukhuthazwa koluntu ukuba lusebenzise amathala. Uthi basebenzisana noomasipala basekuhlaleni.

“Sisebenzisana nabantu ekutheni sibakhuthaze basebenzise amathala,kwaye siye sithi minyaka le, xa kuqala le nyanga ingu March, yamalungelo, sizame ukuba sibhiyozele amathala sikwakhuthaza abantu ukuba bawakhathalele” – Kutsho u Dastile.

Ukwathe uyabonakala umahluko kwezi nkqubo baziqhubayo, okoo ke kuntanywa kukwanda kwenani labantu abasebenzisa la mathala.

“Mkhulu umahluko obonakalayo, kwaye neziphumo zihle kuba enye into ebiyingxaki nebonakala incipha ngoku kukumoshwa kweziseko. Singathi noko ngoku abantu bayaqhelana nokukhathalela amathala, besazi ukuba yintoni umsebenzi wawo”.

KUBHIYOZELWE IVEKI YAMATHALA EENCWADI KOWENGQUZA

Oka Dastile wongeze ngelithi iinkonzo ezifumaneka kumathala ziliqela kwaye abantu bangazifumana, nalapho benokukwazi ukungena kwi internet, bayofotokopa okanye bafumane i WI-FI simahla bezokwazi ukwenza imisebenzi yabo.

Ukanti u somlomo kumasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill, u Sibongile Vatsha uliqhwabele izandla eli nyathelo elichaza njengelizisa umahluko omkhulu.

“Mkhulu umsebenzi owenziwa ziitishala zalo mmandla. Ndijonge aba bantwana bahleli apha nendlela abachubeke ngayo” Ebekuthetha oku ebhekise kwiitishala ebezizimase lo msitho nalapho ebezikhuthaza.

Ukwathe ubukho bamathala benza ukuba  abantwana bakhuthazeke ekufundeni, nanjengoko esithi abantu abaninzi bayonqena ukufunda oku. Ukwathe banethemba lokuba abantwana ebebethathe inxaxheba kukhuphiswano lopelo nolofundo lwencwadi baza kuzuza lukhulu ngaphandle kwamabhaso la bebekhuphisanela wona.

Ukanti lo msitho ubuzinyaswe lisebe lezemfundo, ooceba kumasipala lo, abafundi kunye nebhunga leetyalike.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here