ISEBE LEZOTHUTHO LIMEMELELA UKHUSELEKO EZINDLELENI
Umphathiswa wezothutho, u Xolile Nqatha kunye nomphathiswa wezempilo, u Nomakhosazana Meth beqhuba iphulo lika Fika Uphila e Mtata

[optin-monster-inline slug=”o1oltbelggnq0q5uohhx”]

 

Isebe lezothutho kwiphondo leMpuma Kapa liphehlelele iphulo lika Fika Uphila-Arrive Alive, ngomhla wesine kwinyanga ka Tshazimpuzi kulo nyaka wama-2023. Oku kuthi gqi nanjengoko kulindeleke ukuba kube yimpithizelo ezindleleni ngabantu abayokuchitha iiholide zepasika kwiindawo ngeendawo, bambi besiya kwiityalike ezohlukeneyo. Ukanti oko kungenza ukuba kubekho uxinzelelo olumandla kwindlela zephondo.

Isebe lithi likwenze oku ngeenzame zokunciphisa de kutshitshiswe iingozi ezithi zenzeke kweli xesha likaxakeka,nezithi maxa wambi zisube imiphefumlo yabaninzi. Isithethi sesebe lezothutho kwiphondo leMpuma Kapa, u Unathi Binqose uthi eli phondo liza kwamkela abangena kweli phondo, lipheleke abo baphumayo.

“Oko ke kungenza ukuba kubenobunzima ukuba asibalumkisi abantu bakuthi” Kucacisa u Binqose.

Ukusetyenziswa kotywala gwenxa nokusela ngelixa kuqhutywa okanye ukuqhuba phantsi kweempembelelo zeenyembezi zika vitoliya ngunobangela otshotsha entla weengozi ezininzi. Isebe litsale ngeendlebe amagosa eendlela ukuba angahleki nenye kwezihlekisayo koko aqinisekise ukuthotyelwa kwemithetho yezeendlela.

“Besisebenzisana namapolisa, isebe lezempilo kunye nabezonyango olukhawulezileyo ukuze sithi singanqweneli zingozi nje, sikwazi ukujongana nazo xa zithe zenzeka” Kongeze u Binqose.

Ukanti isebe lezempilo kweli phondo limemelele kuluntu ukuba xa luza kuhamba imigama emide maluqale luphononongwe ngugqirha. Isithethi seli sebe, u Mkhululi Mdamase uthe,

“Siyalubongoza uluntu ukuba xa luza kuthabatha indlela maluqale lundwendwele ugqirha ukuze kujongwe ukuba lukulungele na ukuba lungayihamba loo ndlela ngokwasempilweni”.

U Ndamase uthi isebe lezempilo liqule laligangatha ukulungiselela unongekehli.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here