BACELA INKXASO ABAMENYWE KWELASE NGILANE
Muzi Nduku

U Muzi Nduku(32) no Ntokozo Sonjica(25) abaphuma kwilali yase Baleni KwaMadiba , e Bizana bafumene isimemo kwiziko loqeqesho ngezebhola ekhatywayo i UK PRO academy, eNgilane. La ngamadoda azilahlele nofele ekuphuhliseni ezemidlalo nanjengoko eqeqesha abaselula,aphinde abeyinxalenye yabo sebekhulile. Aba babini kulindeleke ukuba bantingele kwelase Ngilane ngomhla wokuqala kweyoMnga kulo umiyo.

Nangona benomdla wokuba baye kufumana olu qeqesho kodwa bajamelene nemingeni yezimali ezingenza kube ngumqobo ukuba ibe yimpumelelo indlela yabo.Bancokole nephepha–ndaba i Pondoland Times malunga neenkqubo zabo zokuphuhlisa ezemidlalo.

U Muzi Nduku nongumsunguli we Muzi Nduku Youth Development uthi eli lithuba elingakhokelela ekubeni bakwazi ukuphuhlisa isakhono sabadlali abaselula kummandla wonke wase Bizana neziphaluka.

“Kudala ndaqalisa nenkqubo ndisengumfundi. Ndandisoloko ndinomdla wokuba ndenzele uluntu okuhle kwaye oko ndikwenze ngempumelelo kuyo yonke le minyaka ingaphaya kweshumi elinesihlanu” – Kutsho u Nduku.

Ukwathe unomdla wokubona idolophu yase Bizana iphuhla ngakumbi kwezemidlalo, ubugcisa nekcubeko de kugqibele kusakhiwa iziko lezemidlalo kwanobugcisa.

“Eli ziko lilo elizomumatha abantu abatsha ukuze babonise izakhono zabo kwimidlalo entlobo-ntlobo kuquka nabo banezakhono zokudlala eqongeni kuba siphawule ukuba isakhono e Bizana sikho kwaye siseza kubakho”,Kucacisa u Nduku.

Kulindeleke ukuba le nkqubo ye  UK PRO academy ithabathe isithuba esingangenyanga kwaye kucelwa nabani na onokuphosa esivivaneni enze njalo ukuze iphupho labo lifezeke.

Iyonke imali esiyidingayo yi R200 000 kodwa nabani na ongafaka isandla epokothweni,aphose loo nto anayo izandla kuthi zingadlula entloko,sibulela kuye. – Kudomboze u Nduku.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here