IKwazlThina Publishers iyazingca ngokushicilela incwadi ethi Isangxa SikaRhaxothi ebhalwe nguThlna Namba
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

Isangxa SikaRhaxothi yincwadi ebali Layo lingobomi beNkosi yabaThembu baseRhoda, uNkosi Ngangomhlaba Matanzima ongasekhoyo. Libali lobomi bakhe sukela oko wazalwayo ukuza kuma ngexesha lokuphela kobomi bakhe nge22 kweyoMqungu 2022.

Libali lembali ngeziganeko ezathi zamehlela ebomini ezifana nembali yokuzalwa kwakhe ezalelwa ecaleni kwendlela, ukukhula kwakhe, abantakwabo, ukuya kufunda kwisikolo iJongilizwe. Kwalapha kulo eli bali kukho apho kuvela khona imbali ngokubayimbaleki nomdlali wombhoxo obalaseleyo. Sayawafumana namabali  ezinto ezibuhlungu ezathi zamehlela ebomini ezifana nokuntunyekwa ngomlilo komzi wakhe, kubekho nalapha waphoxeka khona ephoxwa yiKumkani yamaGcaleka. Simbona ekwimeko zeemeko zobomi eziphantse zifane nezentaka enkulu eyongamele ezinye, ingangalala yentaka  enkulu ebizwa ngokuba sisangxa. Ibali lithi lentaka ibiye  ibabhide nabazingeli ngelinye ixesha, uthi sele ucinga ukuba uyichanile ngembumbulu iwile ifile, suke uyibone iphinda iphakama ivuthulule iimpiko zayo ibhabhe kwaye ibhabhele kude kunakuqala.

UThina Namba Ungumbhali wencwadi ethandiweyo  kakhulu luluntu emalunga nezothando nomtshato esihloko sayo sithi KWAZI BANI? Nethe yathabatha iintliziyo zabaninzi. Litshantliziyo kwimiba yesiNtu, amasiko nezithethe zabantu abaNtsundu.

ALSO READ:  Young KwaZulu-Natal innovator shines with cell tower backup project at Eskom Expo ISF

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.
Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here