Kudutyulwe kwabulawa abasebenzi basethyini abathathu base posini kwilali yase Jaca, e Flagstaff ngomvulo, umhla weshumi elinesixhenxe kwekaTshazimpuzi kulo nyaka wama-2023. Ukanti ngolwesibini, umhla weshumi elinesibhozo kuthe kwangena izixhiliphothi zoonqevu abathathu ebebexhobe befe amacala, bathatha imali kunye neminxeba yabasebenzi kwi-Post Office ese Flagstaff, baphela emehlweni.
Akukacaci ke ukuba ezi ziganeko ziyazalana kusini na kodwa uluntu lusabhidwe yinja ukungavuthwa ngabanqevu, loo gama abasebenzi beposi besothuka izicithi ngenxa yezi ziganeko.Usibonda waseJaca u Mnu.Mboyi, elingafumanekanga igama lakhe uthi ubizelwe kwindawo yesiganeko emva kokuqhushumba kwerhuluwa.
[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Sithe sakufika kwindawo ebebedutyulelwe kuyo, safika ngenene abantu abathathu abangamanina itshoba lilele umbethe”.[/perfectpullquote]
Umnu. Mboyi ukwathe abo baziboneleyo bathi yimoto ekukudala ime ecaleni kwendlela le, nethe yakubona imoto yamagosa eposi yavulela ngeemvumbulu.
Kusenjalo umanejala weeposi kwingingqi ye Alfred Nzo uMnu. Xola Dlamini uthi basothukile sesi siganeko.
[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Zonke ezi ziganeko ziyothusa.Abasebenzi abathathu badutyulwe sele bebuya emsebenzini, bengaphathanga mali.Isixelela ukuba makube bebenanjongo zimbi, ingekokufuna mali.Kwesi sesibini isiganeko Kucacile ukuba ngabantu ebebefuna nje imali kuba naku kungekho mntu wonzakeleyo” Kucacisa u Dlamini, esoleka ngelithi kuza kuqhutywa iinkqubo zoluleko ngakwabo bachaphazelekileyo.[/perfectpullquote]
Ukanti amapolisa ephondo leMpuma Kapa aziqinisekisile ezi ziganeko.Isithethi samapolisa u Warrant Officer Majola Nkohli uthi amapolisa asaphanda.
[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Kuthyolwa ngelithi abarhanelwa ebebesebenzisa isithuthi esibomvu okanye esi-maroon baye bamisa imoto yohlobo lwe Ford Ranger ebihamba abasebenzi be Post Office, kwilali i Jaca, e Flagstaff. Kukwathyolwa ngelithi amaxhoba aphakathi kweminyaka engama-30 mama-37 aye aswelekela kwindawo yexhwayelo” – kutsho u Warrant Officer Nkohli.[/perfectpullquote]
Ukwathe kwisiganeko sesibini, e Flagstaff akukho mntu wonzakeleyo koko kusutywe isixa-mali esingachazwanga. Uthi akukabanjwa mntu ngezi ziganeko.
Unlock Exclusive Content!