UNGENELELE UMASIPALA UMZIMVUBU KULWAKHIWO LWEZINDLU ZESIBONELELO (RDP) ENCEDISA ISEBE LEZOKWAKHIWA KWEZINDLU
uSodolophu woMasipala wasekuhlaleni Umzimvubu uceba Zukiswa Ndevu

Kutsha nje uSodolophu woMasipala wasekuhlaleni Umzimvubu uceba Zukiswa Ndevu uthe watyelela iprojekti yolwakhiwo lwezindlu zesibonelelo kwawardi 26 kwilali yase Mvalweni. Kule projekti yimali ebalelwa kwizigidi ezingamashumi amahlanu anesibini (R52 million) ethe yanikwa uMasipala Umzimvubu,  lisebe LokwaKhiwa lwezindlu ukukhawulelana nokwakhiwa kwezizindlu zisi bonelelo kwiwardi ezahlukeneyo kwaBhaca nase Maxesibeni. 

Kweliphulo zizindlu ezingamashumi amahlanu anesixhenkxe (57) umasipala abe obelwe ukuba azakhe, waze wazigqiba ngethutyana nje leenyanga ezisixhenkxe. Lomsebenzi usincedisile kakhulu nanjengokuba ubonakalise ukuba singu masipala sinawo umthamo namandla okuwenza lomsebenzi. Ngaphezu kwakho konke oku isebe lezoKwakhiwa kwezindlu lithe lanyula uMasipala Umzimvubu njengenye yee arhente zokuphumeza ukwakhiwa kwezindlu zesibonelelo.

Ukanti kunyaka mali ka 2023/2024 yimali ebalelwe kwizigidi ezilikhulu elinamashumi amathandathu (160 million) ezakuthi inikezwe uMasipala ukuba okhe izindlu ezingamakhulu asibhozo (800), lonto ke itsho ukuba kuzakuxhamla uluntu loUmzimvubu ngokwe misebenzi, izakhono kunye nendawo ezisemgangathweni zokuhlala”.

UNGENELELE UMASIPALA UMZIMVUBU KULWAKHIWO LWEZINDLU ZESIBONELELO (RDP) ENCEDISA ISEBE LEZOKWAKHIWA KWEZINDLU
uSodolophu woMasipala wasekuhlaleni Umzimvubu uceba Zukiswa Ndevu no-manager wakwa Special program u Mnu. Mazolisa Ngejane.

Uqukumbele ngokuphosa amazwi enkuthazo kwabo basalindele ukwakhelwa izindlu zesibonelelo uSodolophu wathi, umasipala nesebe loKwakhiwa kweZindlu bayiqwalase indlela yokuhlala kwabantu yaye konke oku kwenzelwa ukubuyisa isidima sabantu abangathathi ntweni ukuze bazibone bengabantu nabo phakathi kwabanye abantu”, uchaze watsho uSodoluphu Ndevu.

Oxhamle kwisibonelelo sendlu umama uTshazi oneminyaka engamashumi amane anethoba (49) uswele amazwi okubonakalisa indlela azivangayo, ngomsebenzi athe urhulumente wawenza ebulela umasipala ngegxathu alithathileyo nanjengokuba wayechatshazelwa yintlekele yokuwa kwendlu ngethuba kunetha imvula ezinkulu, ze washiyeka engenadawo yokufihla intloko nosapho lwakhwe. Ohlala ebumelwaneni uZovuyo Msitshana ukuvuyele ukubona uSodolophu nesigqeba sika Masipala sihambele lo mmandla ebulela urhulumente ngontshintso alenzileyo kumama uTshazi, estihi bengabahlali nabo banethemba lokuba basezakuqhubeka bancediswe ngezindlu sezibonelelo nanjengokuba basebaninzi abantu abanesidingo sezindlu kwiward yonke iphela.

DON'T MISS OUT!
Stand a chance to win R5000 if you subscribe today.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here