USIZI KUBULAWA ABAHLANU NGEMVULA YEEMBUMBULU
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times
Get local news updates on your phone

Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.

Ushiywe uvalwe ngehlahla umzi wakwa Maphempeni ,eLuphondo,e Lusikisiki ngomvulo,umhla wesithandathu kweyoKwindla ,emva kokuba amadoda angaziwayo evulele ngemvula yeembumbulu,ehlwayela,ze kwasweleka amalungu amahlanu alo mzi ekubalwa kuwo umama(83)Iintombi zakhe ezimbini ,eneminyaka engama-43 neneminyaka engama-39.

Advertisement
Sinombuso Funeral Services

Iingxelo zidiza ukuba kukwadutyulwe kwabulawa nomnye umntwana ongachazwanga iminyaka yakhe kunye nomtshana obehlala lweli khaya.Esi siganeko nesenzeke ekuzeni kusa kwangomvulo sothuse ilali yonke nanjengoko kusinde nje umntwana oneminyaka esibhozo kunye nosana olunonyaka,abangakhe baludubule.

Obethethela usapho  lwakwa Maphempeni ,u Noncedo Ntsilingane uthe ubizwe esemzini wakhe emva kwesi siganeko.

“Ndithe xa ndifika apha ekhaya ndabona kugcwele abantu enkundleni,ndathi ndisajonge leyo kwee wayi-wayi ngabanye abantu,kungekudala kwathi gqi amapolisa,ndabe sele ndixelelwa lo mhlola”.

Uthi onke la malungu asweleke exolisa, ngokuva

ngomntwana lo usindileyo,phofu engayazi neyona nto axolisela yona.Kodwa u  Ntsilingane ukrokrela ukuba kunokuthi kanti inento yokwenza nokutyholwa ngentakatho.

Advertisement
Ekoneni Flames Food Corner

Njengokuba kwenzeke esi siganeko ndiyakhumbula ukuba wayekhe andixelele usisi ukuba kuthi ngokuhlwa kubekho abantu abagibisela emzini wakhe,benamazwi abawathethayo, wokuba,” kanti niyathakatha”.

Ukanti umhlobo welinye ixhoba,nobefunda nalo ,u Isenathi Swelekile uchaze umhlobo wakhe njengomntu obenobubele nothando.Uthe ubebancedisa nakwimisebenzi yesikolo kuba ebekrelekrele kakhulu.

Ukanti umasipala wasekuhlaleni Ingquza Hill uthi aba basindileyo babekwe kwindawo eyodwa ukuze bafumane uncedo olusuka koonontlalo-ntle.Isithethi kulo masipala u Bulelwa Capa uthe,

“sikhokelo somasipala sithathe isigqibo sokuba masindwendwele ikhaya ukuyokugxwala emswaneni nokujonga ukuba kungancediswa njani na malunqa namalungiselelo omngcwabo

Amapolisa ephondo leMpuma Kapa athi kuvulwe amatyala amahlanu okubulala kwaye akukabikho mntu sele ebanjiwe ngesi siganeko.

ALSO READ:  Umzimvubu Local Municipality Completes Gugwini Community Hall
📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.

GET IMPORTANT UPDATES FIRST
Stay informed with news on agriculture, funding opportunities and jobs — so you don’t miss chances that could improve your income and future.

Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here