KUZA KUBANJWA UMNYHADALA WEGQALA LOWESINTU
Inkunzi Emdaka - Photo / Supplied

Iziko Inkunzi Emdaka Foundation kulindeleke ukuba lisingathe umnyhadala womculo ka Maskandi ngomhla weshumi linesibhozo kweyoKwindla. Lo mnyhadala uza kubanjelwa e Mbizana, kweli phondo lempumakapa nekulapho igqala lomculo kwanomsunguli we Inkunzi Emdaka Foundation, u Mlindelwa Mralatya owaziwa emculweni ngele nkunzi Emdaka, azinze khona.

U Zam’ukulungisa kodwa iinto ziyonakala, Inkunzi abayikhuz’ukuhlaba ingekahlabi, singazi uba bothini mhla yahlaba,

Umnyama gusha kuyavunwa kuloo masimi khwencel’umsila bhokhwe ngoba ilanga libalele,

Sibi siyahula siphum’zantsi kwamakhulu amahlanu,sihambela phezulu ngoba sinamaphiko

Umongameli wase Eastern Cape.

Ezoo zizibongo zalo ka Mralatya xa etsweba iintambo zakokwabo eqongeni.Abaninzi ke nabathanda umculo ngakumbi owesintu bazokuzonelisa ngeengoma zakhe kunye nabanye abaculi, nanjengoko kuza kube kushiyiselwana ngeqonga, ingulowo eveza isakhono sakhe sokucula nokubethwa kwesigingci. Ngethuba eli gqala neladuma kakhulu ngeengoma ezifana no Emabhalekisi, Bayasibulala, Bathi angisebenzi, Thixo Somandla nezinye, lincokola ne Pondoland Times lithe kwakusoloko kungumnqweno walo ukuba nanjengoko kuyiminyaka emininzi lisemculweni lisungule into eza kubaligugu nelifa lesizwe kunye nephondo lonke lempuma-kapa.

“Ndiyanqwenela ukuba abantu bazi ukuba bendisoloko ndifuna ukuba ndisungule lo mnyhadala uzoqhuba iminyaka ngeminyaka. Kulo nyaka ke uza kube ubanjwa okokuqala, siyafuna ke ukuba ukhule ngokuhamba kweminyaka uhlonishwe njengeminye imicimbi embalwa kweli phondo lethu ngakumbi kulo mculo ka Maskandi”. – Kutsho oka Mralatya.

Ukanti icace nakolukhasayo into yokuba kweli khaya lakwa Mralatya isigingci besifana nonopopi kuteketiswa ngaso abantwana kuba abantwana beli khaya ngokwabo bayasibetha.Unyana ka bawo u Mralatya u Silungile “Inkunzencane” nokwaphuma kweli ziko le Inkunzi Emdaka Foundation uthi lo mbono sekulithuba elide benawo kodwa izicwangciso zabo ziphazamiseka ngenxa yokuhlasela kwentsholongwane i Covid 19.

“Ngumbono lo ekudala sabanawo siyi foundation ,wokuba masenzele ixhego lo mnyhadala kodwa ngenxa ye Covid 19 saphazamiseka.Sithe noko  ke ngoku masiqalise njengokuba kule nyanga izayo siza kube sidibene, kudlalwa ingoma” – Kucacisa Inkunzencane.

Ukwathe lo ngumnyhadala wokuqala, kwaye ngawo abakafumani nkxaso ingako kodwa banethemba lokuba ngokuhamba kwexesha bazoxhaswa ngokwezinto ezininzi ekuquka kuzo imali.

“Ukuze sikwazi nokubhatala abaculi siyayidinga imali,yiyo loo nto sidomboza kuye  nabani na ukuba angakanakho aphose esivivaneni ukuze bonke abazobe becula kulo mnyhadala babebako ukuhamba befumbethe iqhosha elingenantunja” Kongeze Inkunzencane.

KUZA KUBANJWA UMNYHADALA WEGQALA LOWESINTU
Silungile “Inkunzencane” Mralatya. – Photo / Supplied

Nangona ubuninzi balo mnyhadala ungowomculo i Maskandi kodwa nabacula ezinye iintlobo zomculo baza kube bekho kwaye bedyusha. Iinkcukacha malunga namangeno ziza kubhengezwa kungekudala.

Unlock Exclusive Content!

 
Want more in-depth coverage of local news and events? Subscribe to our weekly newsletter and get access to exclusive stories, interviews, and insights from Pondoland Times.
 

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here