KUTYHOLWA UTYWALA KOSWELEKE NGEQUBULISO

Basothukile abahlali belali yaseZidakwini, kude kufuphi ne Holly Cross, e Flagstaff kukusweleka ngequbuliso kowasethyini oneminyaka engamashumi amabini anethoba, wakwa Mgilane. Esi siganeko senzeke ngomvulo, umhla wamashumi amabini anesine kwinyanga kaTshazimpuzi kwaye kurhaneleka ukuba umfi utsarhwe yibhotile yotywala.

Ukanti olilungu  losapho, Nonkazimlo Mgilane uthe esi siganeko sixelwe ngabahlobo bakhe nabathe ukuqala kwabo ukubona ukuba akekho kwimeko eqhelekileyo bacinge ukuba unxilile kanti kungexesha ephulukana nomphefumlo wakhe

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Ebengaqali ukusela,asazi ke ukuba yintoni le isuke yamongamela. Kodwa ke kuthiwa ebesela ibhotile engayingxenganga, nekuyinto ke ekurhaneleka ukuba yiyo esube umphefumlo wakhe” Kucacisa u Mgilane.[/perfectpullquote]

Akukacaci ke ukuba uza kuba nini na umngcwabo ngenxa yokuba kusalindwe iziphumo zoqhaqho, ukanti nemeko yekhaya ayikho ntle ncam, into ke ezakwenza ukuba kube nzima ukulungiselela. Ukanti kusenjalo ilungu lekomiti kule wadi, u Nonkumbuzo Gxabhu uthi indawo yentselo le yeyakokwabo kwaye umbonile umfi ezokuthenga le bhotile kodwa wothuke wabanda xa sele ebizwa kamva exelelwa ngesi siganeko. Ukwathe uzibonele imeko yekhaya engekho ntle konke.

[perfectpullquote align=”full” bordertop=”false” cite=”” link=”” color=”” class=”” size=””]”Ukuba bekungalindwanga iziphumo zoqhaqho besinokucebisa ukuba kusutywe loo nto ikhoyo kungcwatywe kuba kwa umfi ebezihlalela  yedwa” Kutsho u Gxabhu.[/perfectpullquote]

DON'T MISS OUT!
Stand a chance to win R5000 if you subscribe today.
Bulelani Matshoba
Bulelani is a radio host at Inkonjane Community Radio based in Flagstaff and is passionate about media and local news. He is also a freelancer and part time writer at Pondoland Times.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here