This Content Is Only For Subscribers
Le yenye yenzame zokugcina iindawo zoluntu kwakunye nee ranki zezithuthi zalo Masipala zicocekile. Umzimvubu ukwaqhube eliphulo phantsi kwamalinge lokugcina isikhundla sokuba ngu Masipala wesithathu kucoceko kwilizwe jikelele. Kaloku loMasipala wathi wawonga njengomye woo masipala abagqwesileyo kukuphiswano le Greenest Municipality Awards (GMC),eliququzelelwa lisebe u Economic Development, Environmental Affairs and Tourism nalapho wabuya nembasa yokuba ngu masipala ococekileyo noyikhathaleleyo indalo.
Eliphulo belikhokhelwe ngu Sodolophu obambeleyo u ceba Inga Nodali ekwakunye noo ceba nabasebenzi balo masipala. Lo ka Nodali uchaze wathi “singuMasipala kulenyanga yeSilimela sihlonipha sikwa bhiyozela inyanga yokusingqongileyo ‘Environment month nesithe sathabatha igxathu singu Masipala ukufundisa abantu kwakunye nabantwana besikolo ngokubaluleka kwezinto esisingqongileyo.
Yilento umasipala ethe weza apha namhlanje ezokufundisa abantu abasebenzisa nabashishina apha ePhakade ingakumbi indlela esisebenza ngayo esisakhiwo awathi umasipala wosokha apha.
Oka Nodali equkumbela ngelithi esi sikhululo sesinye sezakhiwo sokuhambisa inkunkuma nephantsi ko kopoletyeni wabahlaziyi ‘local recyclers’ ngeenjongo zokuqinisekisa ukuqokelele kweenkunkuma ukanti nakuveza amathuba oshishino kwabo basebenza ngokuhlaziya inkunkuma.
Uceba wakwa wadi 1 uCeba Mphakamisi Kiviet yena uthi baneengxoxo nabe zothutho kunye nesebe Lezothutho elizinze apha ePhakade, injongo kukuba kubekho intsebenziswano kucoco lwale renki ukwenza izinto zihambe ngokulula nakwabo basebenza ngokucoca kunye nokuhlaziyo inkunkuma .Esitsho uceba esithi iPakade le ikwizinga lokuba ingakhweba abatyali zimali bokhe indowo zokusebenzela apha njengendawo ethunganisela izithili ezintathu I Alfred Nzo, Harry Gwala kunye ne OR Tambo.
Noxa uMasipala enenjongo eziphakamileyo ngale ndawo yase Phakade, njengendawo engathi izise uqoqosho kweli loUmzimvubu, umama uMangqoko Qasha nongumthengisi kule ndawo uvakalise uvuyo olumangalisa ngegxathu umasipala athe walithabatha ukuza eluntwini. Loka Nqasha ubhekise umbono kuMasipala esithi
Siyamcela umasipala aqashe abantu abazakijongana ncakasana nalendowo yase Phakade nanjengoku kukho umceli mngeni wabantu abazokukhwela izithuthi abashiya inkunkuma yaye kukhawuleze kungcole.