UMasipala wase Ntabankulu unikezele ngoNokontraka ozakulungisa indlela yase-Mbhongweni nanjengoko ibiyenye yeendlela ezachaphazelwa yintlekele (disaster stricken roads). Lendlela ingumgama ongage 4km nekulindeleke ukuba igqitywe kwisithuba senyanga ezintandathu.
Ohloniphekiyo uCllr Menziwa nobengu Sodolophu wosuku xa ebethetha nabahlali uthe:
intsebenziswano, ukuhloniphana kwanokulangazelela iinkozo ezisiwa eluntwini yeyonanto ezakuqhubela lomsebenzi phambili
Lo kaMenziwa uqhubeke ebongoza abahlali ukuba bancedisane nekhontraka ekugadeni izixhobo zokusebenza, ekwawukhalimela umkhwa wokutyhuthulwa kwematshini ngoba lonto idala ukuma komsebenzi.
Obethethela abahlali ubulele ngokungazenzisiyo kurhulumente ngomsebenzi omhle, uqhubeke wavakalisa ukuba abahlali bayavuya ngokuba urhulumente wabo enendlebe.
Unlock Exclusive Content!
Subscribe to the Pondoland Times weekly newsletter for trusted alerts on SASSA payments, NSFAS funding, and breaking local news. Get exclusive interviews, community features, and verified stories you can rely on—delivered straight to your inbox.