Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.
Kuleveki kuqhutywe uqeqesho lwe Digital Literacy Training kwisikolo sase Zinyosini liqumrhu elibizwa ngokuba ngu NEMISA (National Electronic Media Institute of South Africa). Elinyathelo lisemva kokuba esisikolo siphume emagqabini kukhuphiswano luka zwelonke lwe Robotics. Ngomnyaka ka 2018, uSodolophu kamasipala wase Ntabankulu, ohloniphekileyo uCllr Tsileng Sobuthongo kunye nalowo wayesakuba ngumphathiswa wezonxibelelwano ohloniphekileyo umama uStella Ndabeni bathi banikezela nge CyberLab kwesisikolo ngenjongo zokuncedisa kwiphulo le 4IR.
Ukwakhela phezu koku sekukhona kwesisikolo nangenkqubela esele isenziwa sisikolo malunga nobuchwephesha banamhlanje, umasipala wase Ntabankulu uthe wasondeza amaqumrhu wobuchwephesha kazwelonke afana no NEMISA ukuze azoqeqesha abantwana kwesisikolo.
USodolophu ukhuthaza abantwana besisikolo nakwezinye iinkalo ukuba bazithande izifundo zobuchwephesha nanjengoko zibonakala zinokutshintsha ubomi babo nenkqubela yelizwe.
Ngee nkcukacha ungatsalela uMnu Lungisile Mzanywa, 0664867405.
GET IMPORTANT UPDATES FIRST
Stay informed with news on agriculture, funding opportunities and jobs — so you don’t miss chances that could improve your income and future.









