Balungile Ka Njemboqo

    UMVUNDLA UZEK'INDLELA KUMCULI WOMASKANDI

    Intombi yomculi woMaskandi ongasekhoyo nowayesaziwa ngo Njemboqo ilandele ekhondweni likayise ngokukhupha icwecwe layo lokuqala kwakulo mculo.U Balungile Tshezi(29) owaziwa ngelika Balungile Ka Njemboqo uthi ufuna ukukhumbuza abantu ngohlobo lomculo owawuculwa nguyise ngeentsuku zakhe zokudla ubomi.
    Kuyaziwa ukuba uNjemboqo wayeyindoda eyayisonwaya isigingci kodwa khange kulindeleke ukuba kuza kubakho ihlumela emva kwakhe nanjengoko kuvele le nzwakazi, nekwasebenzisa izimbo zikayise ezitsala uninzi lwabathandi bo Maskandi.
    Ngethuba enodliwano-ndlebe ne Nkonjane FM uBalungile uthe nangona wakhula uyise engumntu owehla esenyuka kodwa ulifumene ngokwaneleyo ithuba lokuba abenaye kwaye afunde lukhulu ngalo mculo.

    📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.