KUXHOTYISWA ULUNTU NGODUSHE OLUSEKELEZELWE KWISINI

Iziko lamalungelo oluntu e Flagstaff, i Flagstaff Community Advice Centre libambe indibano nabathathi nxaxheba abohlukeneyo namhlanje,umhla weshumi elinesithandathu kweyoMdumba. Injongo yale ndibano ibukukuba kuxhotyiswe uluntu malunga nokuxhatshazwa ngokwesini. Ziziganeko ezohlukeneyo zodushe olubhekiswe kwisini ezibikwa imihla ngemihla kweli ziko, apho amanina kwanabantwana bexhatshazwa ngeendlela ezohlukeneyo. Kwezi ndlela kungabalwa ukubethwa,ukudlwengulwa kwanokuvalelwa ukuba bafunde okanye bahlale kwiindawo ezikhuselekileyo.

Amaxesha amaninzi kulindeleka ukuba ngamanina kunye nabantwana abantu ababa ngamaxhoba okuphathwa gadalala, kodwa inyaniso yeyokuba zininzi iziganeko zokuxhatshazwa kwabantu abangamadoda,kusenziwa oko ngamabhinqa. Ngokwale ndibano ibibanjwe namhlanje leli ziko, kubalulekile ukuba kunikwe ingqwalasela zonke iziganeko ngokulinganayo kungajongwa cala nye.

Oku kuthethwe ngu manejala weli ziko u Bomikazi Mhlongo.Ngabathathi nxaxheba abafana nesebe lokuqondiswa kwezimilo,isebe lezobulungisa kunye nebhunga leetyalike (Council of Churches). Ukanti bekukwamenywe nabantu abaphila neziphene ngokwasemzimbeni.

DON'T MISS OUT!
Stand a chance to win R5000 if you subscribe today.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here