Download the Pondoland Times app to get community stories, local events, lifestyle news, inspiring local features, and important updates from around you.
Iyhoo, ndiyindindi
Tshooo, yingxubakaxaka
Kanti yintoni igwala?
Kanti anje amagwala?
Nqandan’amagwala.
Ubugwala sisifo esibi
Lento umntu ngathi akazi
Lento umntu ngathi akafuni
Lento umntu ngathi akanakho
Kanti uyaxoka
Ubugwala ngumbulalazwe
Lakhula inani lobulawa
Lenyuka nelodlwengulo
Kwanda norhwaphilizo ezweni
Zaphinda phinda izijwili esizweni
Aphi amadoda okwenyani?
Baphi abafazi boqobo?
Siqhayise ngonyana bethu?
Sizidle ngentombi zethu?
Hayini magwala
Kodwa magwala niyakhohlisa
Niyatyhafisa nangoku
Niyasihlazisa isizwe
Kutheni ningadani nje?
Zifuneni, guqukani nizohlwaye
Anifuni kwenza
Kodwa niyonzakalisa
Anithethi
Kodwa bayaphela abantu
Magwala ndini mxim.
Ubhalwe: Mbulelo Tshofela
DON’T MISS IMPORTANT DEADLINES AND PAYMENTS
Get clear updates on SASSA, applications, funding and local opportunities — including how to fix common issues and avoid delays.









