Kufike khona oogqira abazingcaphephe kwizifo zomhlaza ezohlukeneyo KwaBhaca Iinjongo zalenkqubo kukukhuthaza wonke ubani ukuba azazi ubume bempilo yakhe ngokuthi azivavanyele esisifo khona ukuze afumane unyango olululo kuselithuba xa efunyenwe enaso. Namhlanje kujongwe kakhulu kumhlaza webele, womlomo wesibeleko kwabasetyhini kunye nomhlaza wedlala lobudoda kubantu abangootata. Abantu bayakhuthazwa ukuba baqhubeleke ukuza ngobuninzi babo nanjengoko ezinkonzo zizakuqhuba imini yonke yanamhlanje. #UmzimvubuLM #BuildingTheEasternCapeWeWant #UphuhlisoKumntuWonke #AsimangaSiyaqhuba
iFoto ithunyelwe

Ngolwesihlanu umhla wamashumi amabini anethoba kwinyanga yoMsintsi kulonyaka umiyo, iSebe lezeMpilo eMpuma Koloni likwiphulo lokuvavanya kwaye lilumnkise uluntu ngezifo ezinxulumene nomhlaza kwisibhedlela sesithili iMadzikane KaZulu, KwaBhaca nalapho kufike khona oogqira abazingcaphephe kwizifo zomhlaza ezohlukeneyo.

Kufike khona oogqira abazingcaphephe kwizifo zomhlaza ezohlukeneyo KwaBhaca
iFoto ithunyelwe

Iinjongo zalenkqubo kukukhuthaza wonke ubani ukuba azazi ubume bempilo yakhe ngokuthi azivavanyele esisifo khona ukuze afumane unyango olululo kuselithuba xa efunyenwe enaso. Namhlanje kujongwe kakhulu kumhlaza webele, womlomo wesibeleko kwabasetyhini kunye nomhlaza wedlala lobudoda kubantu abangootata.

Abantu bayakhuthazwa ukuba baqhubeleke ukuza ngobuninzi babo nanjengoko ezinkonzo zizakuqhuba imini yonke yanamhlanje.

DON'T MISS OUT!
Stand a chance to win R5000 if you subscribe today.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here