Download the Pondoland Times app for breaking Eastern Cape news, community updates, jobs, and important stories from around you.
Ngolwesihlanu umhla wamashumi amabini anethoba kwinyanga yoMsintsi kulonyaka umiyo, iSebe lezeMpilo eMpuma Koloni likwiphulo lokuvavanya kwaye lilumnkise uluntu ngezifo ezinxulumene nomhlaza kwisibhedlela sesithili iMadzikane KaZulu, KwaBhaca nalapho kufike khona oogqira abazingcaphephe kwizifo zomhlaza ezohlukeneyo.

Iinjongo zalenkqubo kukukhuthaza wonke ubani ukuba azazi ubume bempilo yakhe ngokuthi azivavanyele esisifo khona ukuze afumane unyango olululo kuselithuba xa efunyenwe enaso. Namhlanje kujongwe kakhulu kumhlaza webele, womlomo wesibeleko kwabasetyhini kunye nomhlaza wedlala lobudoda kubantu abangootata.
Abantu bayakhuthazwa ukuba baqhubeleke ukuza ngobuninzi babo nanjengoko ezinkonzo zizakuqhuba imini yonke yanamhlanje.
GET IMPORTANT UPDATES FIRST
Stay informed with news on agriculture, funding opportunities and jobs — so you don’t miss chances that could improve your income and future.









