This Content Is Only For Subscribers
Bashiyeke bebambe onge zantsi abahlali base Upper Corana Senior Secondary School, Misty Mount A/A kwi dolophu yase Libode yinto eyenziwe ngabafundi nge ntsasa yangolwesine kuleveki.
Abafundi be banga le shumi bekufanele baqala imviwo zabo ze trails ngoLwesine ngeli xesha kuvele kwatshiswa ama gumbi okufundela ngabanye abafundi besi sikolo benesikhalazo sokuba kudala becela ukwakhelwa ngabutsha esi sikolo. Bacelelwe kwi skolo sama banga aphantsi abafundi bebanga leshumi ukuze ba bhale imviwo zabo.
Abazali bahluphekile ngalento yenziwe ngabafundi ngoba bekusesona skolo sifikelelekayo kubafundi abangakwazi ukuyofunda ezi dolophini.
Omnye wabahlali uphawule ngokuthi “Bubuntwana obu awukwazi uku “destroyer” into ezonceda wena. Nokuba esisikolo besilidlavu but besikhupha iDiplomas ne Bachelor’s. Bamathile abanye abantu ngebevale igates ngamaqhaga kungangenwa and strike kunalena I wonder ngomphi lorhulumente azobokhela.”
Kuvakala ukuba bebevale umgaqo okufuphi begibisela ne zithuthi ngamatye ngenxa yokuba uRhulumente engaba hoyanga.
Ngelixesha kuvalwe umgaqo u R61 ama polisa afike onzakalisa omnye wabafundi ofunda ibanga le thoba(9) one minyaka elishumi eline sibhozo(18), amapolisa adubule lo Mfundi nge mbumbulu ezimbini.
Inqununu ye skolo u Mr Vuyisile Mdabula uthi “imothusile into eyenzekile futhi uphoxekile kakhulu bekungeyonto ayilindele kuba fundi bakhe kuba baziwa ngabafundi abalungileyo nabahloniphayo sebe vela kunconywa nangu Mnyango we ze Mfundo”.
Uqhube ngelithi “Akazi kumoshakelephi kodwa abafundi be banga leshumi bazoku bhalela kwezinye izikolo ze banga eli phakeme ezise dolophini ukuze bakhuseleke”.
Abafundi bake bafuna noku tshisa iskolo sama banga apantsi xabesiva ukuba abe banga leshumi bazoku bhalela khona.
Bazoqubeka nemfundo abe banga lesi bhozo ukuya kwi banga lethoba kuso sona isikolo abasitshisile.
UMnyango we Zemfundo ufike wacela inhlanganiso ne Nqununu, oTitshala nabazali ngo Mvulo umhla we 04 ku September kuso sona iskolo sase Upper Corana nge ntsimbi ye sibhozo ekuseni.—iifoto zithunyelwe