USODOLOPHU WASE NGQUZA HILL UBAMBE INDIBANO NABAHLALI

Date:

USodolophu kumasipala wasekuhlaleni i-Ngquza Hill, u Nonkosi Pepping undwendwele iiwadi  ezimbini zalo masipala, u ward 1 no ward 2 nalapho ebeyokufakana imilomo nabahlali ngomhla weshumi elinesibhozo kweka Tshazimpuzi kulo nyaka wama-2023.

U sodolophu u Pepping uvukele kwisikolo samabanga aphantsi i Phangisa ngeliyokunikezela ngomakufanwe kubantwana abangamashumi amabini.Ukanti   kukwavulwe nethuba lokuba abazali badlane indlebe nosodolophu.U Pepping uthi zikho izinto ezingumceli mngeni kwesi sikolo.

“Yiyo loo nto kuye kwabaluleka kuthi ukuba sive ukuba yintoni kanye le esi sikolo esinga singancediseka kuyo, kwaye abazali bekwafuna neengcebiso kwizinto ngezinto” Kutsho u Pepping.

U Pepping ugqithele kwiholo yoluntu i-Good Hope, kwintlanganiso yezicwangciso zophuhliso(IDP), uhlahlo lwabiwo-mali kunye nokuhlu lwerhafu. UMasipala udakance ingxelo yobume besicwangcwiso, kuquka nolwabiwo-mali. Abahlali nabo baye banikwa ithuba loluhlomla kule ngxelo. Le nkqubo ye IDP kulindeleke ukuba iqhube ukusekela namhlanje ukuyokuthi xhaxhe ngolwesihlanu sele ziqosheliswe zonke iiwadi.

Kusenjalo uSodolophu undwendwele kwikhaya labantwana e Luphilisweni,  ngeliyokunikezela ngeepasile zokutya.

“Kubalulekile ukuba singurhulumente simana ukusondela sibinze ukwenzela ukuba sinciphise umthwalo kwaboo bantu bagcina abantwana”

Usodolophu esithi kungenxa yesoo isizathu abaye baphosa esivivaneni, ekuthetha oko ngethuba enikezela ngokutya kweli ziko neligcina abantwana abangamashumi amabini anesithathu, abaphila nenkubazeko.


Subscribe Now for Exclusive Weekly Updates!

Enter your details below and be part of our community, unlocking premium content delivered to your inbox.

Bulelani Matshoba
Bulelani Matshobahttps://pondolandtimes.co.za/
Bulelani is a radio host at Inkonjane Community Radio based in Flagstaff and is passionate about media and local news. He is also a freelancer and part time writer at Pondoland Times.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here

Share post:

Subscribe

spot_img

Popular

More like this
Related

Tragic Single Vehicle Crash on R63 Claims Five Lives

A devastating single vehicle accident on the R63 near...

Mamelodi Sundowns Welcomes Steve Komphela as Senior Coach

Sundowns has officially announced the return of Steve Komphela,...

Matatiele Mayoral Cup Semi-Finals and Finals: An Invitation to Celebrate Youth Sports

The Matatiele Local Municipality, through its Office of Communications...