UMOTHUKO KUFUNYANWA UMSEBENZI ESWELEKELE EMSEBENZINI

I-arhente yeendlela kweli, u SANRAL, uvakalise umothuko emva kokusweleka komsebenzi kwibhulorho yase Msikaba, e Lusikisiki. Esi siganeko, ngokwengxelo ekhutshwe yile arhente, senzeke ngomhla wesihlanu kule nyanga ka Canzibe. Lo msebenzi ongachazwanga  igama lakhe ufunyenwe ebanda kule bhulorho nekukholeleka ukuba uswelekele apho.Umfi lo uchazwe njengobesebenzela I Kontraka yakwa-Concor/MECSA ngokudibana.

“Sidlulisa amazwi ovelwano kusapho nakuluntu lwaseLusikisiki ngale ngozi imbi kangaka. Sifuna usapho lwazi ukuba siyakuthabatha onke amanyathelo okubathuthuzela ngeli xesha linzima,” utshilo uLaurence Savage, ongumlawuli wale Projekthi. U Savage ukwathe bayaqinisekisa ukuba baza kuthabatha onke amanyathelo entuthuzelo abheke kusapho ngeli xesha lijameleme nale ntlungu.

Ukanti umanejala wonxibelelwano kwa SANRAL, umnu.Vusi Mona uvakalise ukothuka sesi siganeko.

“U-SANRAL kunye nonokontraka wethu, i- Concor/MECSA Construction Joint Venture, bathumela uvelwano olunzulu kusapho lwakhe, izihlobo namaqabane akhe. Sibanqwenelela amandla ngeli xesha linzima. Asikho kwimeko yokuba singachaza iinkcukacha zomfi okwangoku,” utshilo uMona.I-SANRAL kunye ne-CME JV  bavakalise ukuba benza uphando lwangaphakathi ukufumanisa unobangela wengozi.

“Sisebenzisana kakhulu neekontraka ukuze sifumanise ukuba yintoni ekhokelele kwesi sehlo sibuhlungu kangaka. Ukhuseleko lwabasebenzi bethu esizeni lubaluleke kakhulu kuthi, kwaye sifuna ukuqinisekisa ukuba umsebenzi uphunyezwa wonke ubani   ekhuselekile, kwaye kungekho mntu wonzakaleyo,” utshilo uMona.

Kulindeleke ukuba kukhutshwe iinkcukacha ezithe vetshe malunga nokusweleka kwalo msebenzi.Amapolisa ephondo leMpuma Kapa asingqinile esi siganeko.Isithethi samapolisa ephondo, u Brigadier Thembinkosi Kinana uthe amapolisa abizelwe endaweni yesehlo emva kokufunyanwa kwalo mzimba.

“Ekufikeni kwamapolisa kuye kwabizwa nenqwelo yezigulana kwaza kwaqinisekiswa njengoswelekileyo kwangeloo xesha indoda eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo” u Brigadier Kinana ukwathe kuvulwe idokethi,  ekwathi akukho mntu sele ebanjiwe kwaye amapolisa asaphanda.

DON'T MISS OUT!
Stand a chance to win R5000 if you subscribe today.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here