ABAFUNDI BASE TOLI BAXHOTYISWE NGAMAKHONDO ABANOKUWATHABATHA
Advertisement Reach real local readers – Advertise with Pondoland Times

Isikolo samabanga aphezulu I Toli, e Lusikisiki, siwelwe ngumqa esandleni ngexesha sindwendwelwa ngamaziko emfundo ephakamileyo ukuxhobisa abafundi bebanga leshumi elinesibini. Oku bekuqhutyelwa kwesi sikolo nesiphakanyiswa njengesizinikezele ngamandla kumsebenzi waso, oko ke kubonakaliswa ziziphumo zaminyaka le. Le nkqubo ibibanjwe ngomhla weshumi elinanye kule nyanga ka Canzibe. Ukanti esi sikolo sichongwe ngumbutho ongenzi nzuzo, i Align With God’s Purpose ubambisene nenkampani yopapasho i-KwaziThina Publishers.

Umququzeleli wale nkqubo, u Nkskz.Ncebakazi Sihlobo-Latsha uthe bandwendwele esi sikolo ukuze babaxhobise ngamakhondo abanokuwathabatha kumaziko emfundo ephakamileyo.

Advertisement
Ubuntu Media

“Eyona njongo enkulu yokuba sibe lapha kukuba sifuna ukuxhobisa aba bafundi kuba thina ngelethu ixesha kwakuswelekile ukuba kubizwe amaziko ephakamileyo”.

Ukwathe banqanda iimeko apho umfundi eza kuya kufunda eDyunivesithi okanye eKholeji, esenza into angabizelwanga kuyo, nenxamnye noko kulicebo likaMdali. Ukanti bekukhwetywe amaziko emfundo afana ne- Ingwe Tvet College, i Dyunivesithi yase Fort Hare,  i Dyunivesithi yase Rhodes kunye ne- Walter Sisulu University.

Omnye oququzelele le nkqubo, u Nksz.Nomawele Njongo nongumlawuli we KwaziThina Publishers, uthe basebenzisana kakhulu nombutho i-Align With God’s Purpose ukuxhobisa abafundi.Ukwathe esi sesinye sezikolo ezibeka eli phondo le Mpuma Kapa endaweni ebanzi.U Njongo ukwathe abafundi abanomdla wokuthabatha ikhondo loncwadi bangenza njalo ngokukhululekileyo.

“Kodwa kudingeka ukuba ube kanti unalo iphupho lokuba ngumbhali kuba onke amakhondo afuna ukuba ube nephupho, ungenzi kuba ubona abanye besenza” Ulebele watsho.

Ukanti inqununu yesi sikolo u Nkskz Nontsikelelo Madolo ebencume olugoso yimincili. Uthe baziva bewongekile kukundwendwelwa ngamaziko ohlukeneyo.

Advertisement
Ekoneni Flames Food Corner

“Yinto enkulu kakhulu kuthi ukude sichongwe, sizokubonwa ngala maziko sisesi sikolo sincinane, singenanto” kutsho u Madolo.Ukwathe iinkqubo ezikumila kunje ziyabakhuthaza abafundi ukuba benze ngakumbi kwizifundo zabo.

📰 At Pondoland Times, all articles are reported and verified by human journalists. Technology may support us, but people remain at the heart of our news.
Advertisement Download the Pondoland Times App – Grants, Jobs and Local Alerts

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here