This Content Is Only For Subscribers
Umasipala wasekuhlaleni i-Winnie Madikizela Mandela uvule ibala lezemidlalo, i-Mphuthumi Mafumbatha, ngoLwesihlanu, umhla weshumi elinanye kule nyanga yeThupha. Eli bala likwisigaba sokuqala (Phase 1) nanjengoko libiyiwe kwaye linamagumbi okutshintsha kwabadlali ngaphambili nasemva komdlalo. Phakathi kwamaqela azimase lo msitho liqela le Bizana Pondo Chiefs, i-Sinenkani FC kunye ne FC Ravens. La maqela avume ingoma enye yochulumanco ngenxa yokuvulwa kweli bala. Umanejala we FC Ravens uMnu. Loyiso Jokweni uvakalise ukuba oku kuza kucutha ngamandla kwinkcitho.
Njengabantu ebekuye kunyanzeleke ukuba bahambe umgama, beyokudlala kwamanye amabala, akwezinye iidolophu siye sachulumanca xa sibona eli bala likulo mgangatho. – kutsho u Mnu. Jokweni.
Ukanti uSihlalo weqela i-Bizana Pondo Chiefs, uMnu. Nathi Mqokiyane khange akwazi ukuwuvala umlomo wakhe xa ebona umgangatho weli bala. Ephefumla uthe,
Andazi nokuba mandithini ngeli bala kuba mna ndingulo wazi kakuhle ubunzima bokuthi xa ufuna ukudlala uchithe imali usiya kwenye idolophu, ngoko ke ndivuya kakhulu xa ndibona eli bala.
Kusenjalo, umbutho webhola ekhatywayo, i- SAFA ilamkele eli bala. Usihlalo we-SAFA, uMnu. Andile Ngconjane uthi eli bala likulungele kusingatha imidlalo ngokwemigaqo ye-SAFA.
Ukanti uMphathiswa wesebe lezemidlalo, u Mnu. Zizi Kodwa uqhwabele izandla urhulumente wasekuhlaleni ngokuphakama enze eli bala nanjengoko bekholelwa ekubeni liza kunika umdla wokudlala .
Kuza kunyanzeleka ukuba sincedise ekubeni kuvulwe eli bala, libe kwimeko ye-Multipurpose Centre ukuze neminye imidlalo edlalwa apha, kungabi yibhola ekhatywayo yodwa.
USodolophu kumasipala wesithili se – Alfred Nzo, u Mnu. Vukile Mhlelembana ebengakwazi nokuzibamba ngenxa yovuyo, ngakumbi nanjengoko eli bala lithiywe ngowayengumhlobo wakhe, ongasekhoyo u Mphuthumi Mafumbatha. U Mhlelembana ukwakhuthaze ulutsha ukuba luzibandakanye nemidlalo.
Imidlalo inendima eninzi eyidlalayo, kuba kutsho kuphuhle noqoqosho olu lwasekuhlaleni, kube lapha ukuba kunciphe nolwaphulo-mthetho. – Kucacisa u Mhlelembana.
Kuza kulandela nezinye izigaba eziquka ukwakhiwa kweholo ekuza kudlalelwa kuyo neminye imidlalo edinga ukudlalelwa kwindawo engaphakathi.