Umasipala wesithili se Alfred Nzo,ukhokelwa ngu sodolophu u Vukile Mhlelembana ukhwebe imbizo nabahlali base Bomvini e Ntabankulu, ngomhla weshumi elinesixhenxe kweyoMdumba. Kule ndibano bekukwabizwe namasebe karhulumente ohlukeneyo ukuze azokuphendula kwizikhalazo zabahlali balo mmandla. Phakathi kwemiba ephakanyiswe ngabahlali, umba wokunqaba kwamanzi neendlela ezingahambekiyo ubuphambili.Ukanti kukwakhalazwe nangombane ongazinziyo ngaphandle kwale ngxaki kazwelonke ka cimi-cimi wombane.
Abahlali ebebephume ngendlu baphalaze imbilini yabo malunga nobubhutyu-bhutyu bolawulo lorhulumente wasekuhlaleni. Bagalele zophuka malunga nokungayazi kwabo into eyinkululeko ngenxa yokungahoyeki. Ubuntshithilili bamagosa karhulumente anikezela ngeenkonzo kwii ofisi abakuzo kugxekwe kakhulu ngethuba usodolophu kumasipala wase kuhlaleni i Ntabankulu, u Tsileng Sobuthongo esenza intetho yakhe kule Mbizo.
Akumelanga ukuba abahlali bayalibaziseka,de bafumane ukungahoyeki neenkonzo ezife amanqa xa beyokufuna inkonzo zabo kulo naliphi na isebe likarhulumente”. – Utshilo u Sobuthongo.
Ephendula kumba weengxaki ezijongene no Eskom uthe eyona nto isabaxakayo okwangoku yile exake urhulumente ka cimi-danya wombane,ngaphaya koko bayasebenzisana neziko elinkinkisha ngombane, u Eskom ekuphakeleni abantu umbane.
Ukanti usosithili we Alfred Nzo u Vukile Mhlelembana uthe eyona nto ibalulekileyo kukuba abezopolitiko kunye namagosa karhulumente athembeke eluntwini.
“Eyona nto ityhafisa uluntu kukungathembeki kwethu, sithi sisazi ukuba into abayifunayo asizi kuba nawo amandla okuyenza ngokukhawuleza,sithi siza kuyenza. Abantu mabacaciselwe ngeenkonzo ezinikezelwa ngumasipala nezoo zinikezelwa ngurhulumente wephondo okanye okazwelonke”. U Mhlelembana ukwathe nangona kunjalo abantu bamelwe kukuba badibane nooceba xa bedinga iinkonzo kuba ngabona bantu bavotelweyo.
Ukwathe nangona umkhulu umqela ohanjiweyo kodwa kuse kuninzi okufuna ukwenziwa ukuphuhlisa uluntu lwase Bomvini. Abahlali bamemelele kurhulumente ukuba abancede engajonganga ukuba bazibandakanye nowuphi na umbutho wezopolitiko.