ISAZISO SIKAWONKE-WONKE SOKUFUDUSA KWAMANGCWABA
Advertisement

iProrisk Holdings (Pty) Ltd yonyulwe yi –arhente yeendlela zelizwe loMzantsi Afrika i(South African National Roads Agency SOC Ltd (uSANRAL ngamafutshane) edibene ne WBHO/H&I Joint Venture, ukulungiselela iinkonzo zokufudusa amangcwaba kuhola wendlela u N2 wild coast icandelo lama-20 phakathi kwe Bhulorho msikaba kunye ne Bhulorho yasemtentu.

Iprojekithi ibekwe phakathi kwemida yomasipala wengingqi ye- Ingquza Hill, kumasipala wesithili I OR Tambo, empuma koloni. Icandelo lohola wendlela I Wild Coast oza kwakhiwa usuka kufuphi noMlambo uMsikaba kumgama ongama- 35.30km kwaye iphele kufuphi noMlambo uMtentu kumgama ongama- 52.60km ubude bendlela eya kwakhiwa bumalunga ne 17.3km.

Ngenxa yeemfuno zophuhliso, iindawo zamangcwaba azinakuthintelwa ngexesha lolwakhiwo. Amathambo omntu kufuneka akhutshwe aze aphinde angcwatywe.IProrisk Holdings emelwe ngu-Allan V Chatty ichongwe ukuba ilawule ukumbiwa nokungcwatywa kwakhona kwemizimba yabantu.

Amathambo omntu aya kuphinda angcwatywe ngokwezicwangciso zekhaya malunga nokufuduswa kwemizimba leyo

Usapho, izalamane kunye nabantu abanolwazi malunga nokuba ngoobani abantu ababengcwatywe kwezi ndawo zikhankanywe ngentla apha elana nezi nmbolo zingezantsi.

 

Prorisk Holdings (Pty) Ltd: Site Manager

  • Helman Ndunge
  • 072 098 4963

Project Administrator

  • Sakhile Radebe
  • 081 453 9495

Project Liaison Officer

  • Kosi Odwa Macingwana
  • 083 438 3805

 

Unlock Exclusive Content!

Subscribe to the Pondoland Times weekly newsletter for trusted alerts on SASSA payments, NSFAS funding, and breaking local news. Get exclusive interviews, community features, and verified stories you can rely on—delivered straight to your inbox.

See also  Albany invests behind a refreshed brand positioning, celebrating real life, real people, and real situations in South Africa
Advertisement

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here