USodolophu wase Ntabankulu kunye negqiza lakwa Department of Higher Education and Training bandwendwele iKholeji yase Sekhukhune

USodolophu kunye negqiza lakwa Department of Higher Education and Training, Ingwe TVET College, Provincial and District Department of DRDAR bandwendwele iKholeji yase Sekhukhune namhlanje ngeenjongo zokukopa indlela esebenza ngayo kwakunye neenkqubo zophuhliso ezenziwa kwi Kholeji leyo.

Injongo-ncakasana yolundwendwelo, kungoku nje kulungiselelwa uku appointwa kwe Principal Agent (Consultants) nezizothi zixakeke kukwenza idesigns kwakunye neplans zeKholeji. Olundwendwelo luzoncedisa ukuba umasipala akwazi ukufaka izimvo ekuzizo phambi kokuba kuqaliswe idesigns.

USodolophu wase Ntabankulu kunye negqiza lakwa Department of Higher Education and Training bandwendwele iKholeji yase Sekhukhune

USodolophu negqiza bamkelwe sisikhokhelo se Kholeji nesithe sababonisa iinkqubo zophuhliso eziquka i-Abattoirs, iindawo zokwenza iCheese nezinye izinto eziveza ingqesho ezisuka kwezolimo. iKholeji yase Ntabankulu kulindeleke ukuba yenze iprograms zophuhliso ezifana nezi zidweliswe ngasentla kwakunye nezinye ezifana ne Cannabis Processing Plant. Zonke ezinkqubo zizokwenza ukuba uluntu lwase Ntabankulu luxhamle kuqoqosho oluza nokumiliselwa kwe Kholeji kule ndawo.

USodolophu wase Ntabankulu kunye negqiza lakwa Department of Higher Education and Training bandwendwele iKholeji yase Sekhukhune

Kwiinzame zokulwa nentswela-ngqesho eNtabankulu, umasipala wenza iinzame zokutsala uphuhliso oluza notshintsho olutsala ukukhula koqoqosho. Uphuhliso oluza neKholeji luzothi luncedise nasekunciphiseni intswela-zakhono.

DON'T MISS OUT!
Stand a chance to win R5000 if you subscribe today.

LEAVE A REPLY

Please enter your comment!
Please enter your name here